24/06/2024
Siphiwe(Novel)
Part16
Ngohlobo owayesele entantazela ngalo uSindisiwe wayesele esithi ufuna ukuhamba kwalapho kuba bangabuya nanini kwaye naye uzobasengxakini. “Hlisa amaphapha mntwana wam akusoze babuye, uSandile ndimxelele kwanto nangona enomsindo nje uthe uzokwenza yonke into esemandleni akhe ukuba ungafumaneki. Ulithemba ke kokwenu nawe uyazi ndiyakuthembisa akusoze bazokujonga apha komele uhlale ixeshana apha side siyazi ukuba sizothini".
Noko lamazwi amhlisa ixhala uSindisiwe noxa wayesakholelwa ukuba uNtando soze ayiyeke nje lanto idlulileyo kodwa wakhetha ukubeka ithemba lakhe ku Mamiya.Abuyile amadoda ebeyokuzingela uSindisiwe ebukhosini kodwa into eyakwanqisayo kukuba uSandile wabuya ehamba yedwa.
Bayokungena kwenye yamagumbi yasebukhosini ababethi babambe kuyo intlanganiso abasebenzi kunye neNkosi. “Ndathi uqaphela bendingakhuphanga madoda mangaka apha , aniphelelanga uphi uNtando!!?" Yabuza ibucaphuka inkosi kodwa ke athi amanye amadoda inokuba nguSandile onophendula kuba bebehambe kunye.
“Kuyinyani oku kuthethwa ngalamadoda Nkosi yam, ndiye ndayalela into yokuba sohlukane singahambi sonke ndaze mna ndahamba kunye no Ntando kodwa ndiqaphele nto kuye ngoku sikhangelayo ndaze ndamhlaba ngemibuzo waphethe sele evuma ukuba uyabandakanyeka ekulahlekeni kuka Sindisiwe" Yonwabela ukuva inkosi ukuba ukhona umkhondo okhoyo kodwa owayesele ekungxamele ukuva kukuba uphelelephi kengoku uNtando.“Ndikuthandela ubanelihlo elibukhali Sandile, ndikubeke nje ngomacala wam ndikubekiswe kukuthemba. Ngoku ulisephi elimenemene lingenamqolo kufuneka liphendulile". Itsho imbamba isandla inkosi u Sandile.
“Sithe xasisendleleni ebuyayo kuba ndifuna umzisa kuwe Nkosi yam azoziphendulela s**a wazijula emotweni ngexa ihambayo engaqaphelanga ukuba singaseliweni, uye wayowela ezantsi Nkosi yam ndithetha nje nawe ngoku akasaphefumli kulomhlaba okundixaphukisileyo lento uyenze engekandiniki ulwazi olwaneleyo!".