25/06/2024
UKUFA
Ndibolekeni iindlebe ndizigcwalisele.
Ndibolekeni iimbadada zishushu ezinyawo kudala zingqisha.
Amadolo ayadyevezela kukoyika.
Hlalani nam ndinichubele ngokufa,kaloku kuthiwa kwaxhosa isikhwebu simnandi ngokuchubelana.
Mandigawule ndiwarhuqa ndingeka shiywa lixesha.
Ukufa,
Ndibon'usizi.
Ndibon'usizi lubhalwe ebusweni.
Ndibon'ubuhlungu bubhalwe ebusweni boluntu.
Ndibon'iinyembezi emehlweni.
Ndibon'iinyembezi zinqamlez'umbombo.
Nak'ukufa kwemihla ngemihla.
Ukufa,
Ukufa kwemihla ngemihla.
uLuntu lugxwal'emswaneni.
Lukhal'imihla nezolo ngenxa yokufa.
Iintliziyo zibuthathaka,zityumnkile ziintlungu.
Banemibuz'abangakwaz'uyiphendula.
Bagxwala bekhala ziintlungu.
Ukufa,
Iintlungu zibhalwe ebusweni babo.
Nal'usizi luhleli phezu kwentloko zabo.
Libongamele ilifu elimnyama.
Luyasabel'uluntu ekufeni.
Kuba ngasa sivuka ngesithonga sokufa.
Thethelel'abantwana bakho nkosi.
Sihleli kulomhlaba ngokungazi, Kuba izinto zangomso asizazi.
Nak'ukufa kwemihla ngemihla.
Ukufa,
Kwabangasa kukhalwa ngokufa.
Thethelela bawo.
Ukuba asenzanga kakuhle sibonise indlela.
Yini na madoda lusizi lwantoni Olu?.
Le nto sesiphila ngeenyembezi.
Yazi konakelephi Na emhlabeni.
Yazi kukhale nyoni Nina?
Kazi iyozala nkomoni Na lento yokukufa.
Luyaphela uluntu.
Nak'ukufa kwemihla ngemihla.
Imbongi YakoHlophe 🙏❤️🩹