Hlathi CLAN

Hlathi CLAN Contact information, map and directions, contact form, opening hours, services, ratings, photos, videos and announcements from Hlathi CLAN, Cultural Center, maduna Road, Uitenhage.

Sikhahlele kooHlathi bonke kwelikhaya ngalemini yangecawa ndiyathemba onke amamfene asaphilile kwiindawo ngeendawo esiku...
02/08/2026

Sikhahlele kooHlathi bonke kwelikhaya ngalemini yangecawa ndiyathemba onke amamfene asaphilile kwiindawo ngeendawo esikuzo sicela nakumanyange asemamfeneni asikhusele nakwiintsuku zobunzima ezizayo apholise namanxeba amamfene awathe agaxeleka kuwo kwiimeko ezithe zakruna imiphefumlo kodwa sohlala siphila phantsi kwezihlele zasemamfeneni kude kufike ixa lokuba nathi sibekwelakwamoya sibizwe ngawo amanyange silindele ukumbathiswa ngakumbi ngamandla ngemisebenzi yoonyana neentombi nabazukulwana sonwabele ukubizwa sikhankanywa kwezinkundla nathi esizinyathelayo ngoku sisaphila sitsho nathi siphile ubomi obungunaphakade bakwamoya ngenxa yemisebenzi yethu yokungasuki kumanyange akomawethu ooHlathi ooLisa ooJambase ooBuswayo

16 June 1976 youth yayisithi away with Afrikaans apho amapolisa aphendula ngezixhobo nemipu echitha ulutsha abulala aban...
16/06/2026

16 June 1976 youth yayisithi away with Afrikaans apho amapolisa aphendula ngezixhobo nemipu echitha ulutsha abulala abantwana abafike ku180 ngokwenani esowetho kwavalwa izikolo ezifike ku300 kwaphazamiseka amakamva amaninzi olutsha. Baqhubekeka ukubhubha abantu abalulutshi kwade kwangoku besabhubha ngokungakhathali.

1823 ukuqala ukuvela kolwimi lwesiXhosa ngokutsho kwengcaphephe nezinxibamxhaga zolulwimi lusisiXhosa kutsho kudanduluke...
29/05/2026

1823 ukuqala ukuvela kolwimi lwesiXhosa ngokutsho kwengcaphephe nezinxibamxhaga zolulwimi lusisiXhosa kutsho kudanduluke umbuzo wokuba bekusetyenziswa oluphi ulwimi phambi kwalomnyaka ka1823. Kuphinde kuqhashumbe impendulo ethi ngaphambili bekuthethwa isiQhakankcu ulwimi lwabathwa nanjengoko uyakuva x**a amampondo namampondomse esitsho xezilanda apha angamaThole omthwakazi uphinde uve kwelinye icala Amamfene esithi angabathwa wona kuba ayazazi imvelaphi yawo nangona engesanalo ulwimi lobuQhakankcu ngenxa yempucuko yalemihla tsiiii Oohlathi Oolisa Oojambase ooBuswayo Amamfene lawo.

Iphupho alifi umniniwalo esaphila
27/05/2026

Iphupho alifi umniniwalo esaphila

16/05/2026

Im thankful

03/05/2026

X**a kubanda abantu bayathanda ukunxiba mnyana nokuba sekusebusuku ngenjongo okanye ngolwazi lokuba impahla emnyama ifudumele okanye ayikhawulezi ibonakalise ukungcola.

Ingxaki iqala x**a behamba ecamkwendlela/mgaqweni benxibemnyama kusebusuku okanye kusekuseni ngalamaxesha obusika kumnyama zitsho iingozi zifune ukuxhaphaka.

Address

Maduna Road
Uitenhage
6230

Alerts

Be the first to know and let us send you an email when Hlathi CLAN posts news and promotions. Your email address will not be used for any other purpose, and you can unsubscribe at any time.

Shortcuts

Share