29/01/2022
Zanditya Intwala Zam!🛖
Chapter ll:
-Kwa mnumzana Phakade
Sigalelekile emzini omkhulu, samkelwa ngumsebenzi wakhona eyokusifaka kwindlu esiza kuyilondela khona le nqoko-nqoko isisu side. Silaphe ke silinde umfo, uMnumzana Nkqayi utshutshisekile iminwe yakho iyaphothana iinyawo azihlalisekanga, kuyabonakala ukuba kudala yamfungela uMeya hayi kancinci nje.
“Molweni manene, nifika ndisendleleni eleqa entlanganisweni ndinemizuzu nje embalwa ndiyathemba niphilile.” Ingenile ke ingqwayi yahlala phantsi, yazipha ithamo le Wiski yalindela kuthi impendulo, ngeloxesha ikepusi yam ndiyi thobe kwade kwabe kuvela amehlo nomlomo kuphela. “ Sihambele kuwe mhlekazi, ndingu Sajini Nkqayi ndihamba kunye no Constable Sefako sisuka kwisikhululo samapolisa ass Ngcobo, sinemibuzo nje embalwa sakuthi sakugqiba ke sikukhulule mnumzana.” Inqwale nje intloko ingqwayi yamkhulula u sajini ukuba aqhube nemibuzo yakhe, ndiye ndanovalo uxa endazisa u Sajini into eye yandithomalalisa kukuba ifani yam apha ekuhlaleni ayaziwa, kwaziwa le yasekhaya.
Usajini Nkqayi uphethulule amaphepha akwi fayili yakhe wakhupha elinye endibonayo ukuba agcwele uthotho lwenkcukacha zophando lwakhe,” Mhlekazi uyamazi u Constable Ntozakhe Tshozi?” Umbuze emthe ntsho emehlweni, ikubonakalisile ukothuka kancinci i ngqwayi kodwa yazibamba yashiyeka iqhale amehlo. “ Ewe ndiyamazi, besike sibenaye kwezindawo zobumnandi ndizihambayo.” Iphendule yenjenje ingqwayi impha ithuba lokuba ande nemibuzo yakhe u Sajini. Wandile ke uNgcwina wenjenje,” U Constable Tshozi uza kungcwatya kule mpela veki siya kuyo, isizathu soko wagetyengelwa kwi hlathi i Bhaziya wanqunyulwa intloko emva kokuba edutyulwe ngeembumbulu ezilishumi emzimbeni nenye entloki, njengamhlobo wakhe ke ndiyaqonda ukuba awuqali ukuziva ngam ezi zimanga, ndicela undiphe apha mhlekazi, usive nini wena esi simanga kwaye inoba yintoni unobangela?”. Ubuzile usajini ndabe nam ndisothuka esi sehlo ukuba kanti simanyumnyezi oluhlobo.
“Ndibanjwe ngomnxeba ngumhlobo wam uSkhakhane ngentseni yangomgqibelo, endazisa ngokushiywa kwethu ngu Ntozakhe, unobangela angaziwa ngumbululali kwakunye nomntu ophanda ityala ityala sajini mna andinalwazi.” Uphinde wambuza usajiji,”Uthi ufumane umnxeba ngentseni yangomgqibelo, umhlambi kwakungobani amaxesha?” . “Ekuseni emva kwentsimbi yesithandathu.”iphendule ingqwayi, wabuye wabuza usajini,” ukufowunela ekuxelela ngokufa kuka Constable Tshozi akatsho ukuba yena uyive phi lento akwazisa yona okanye wena ubusewuhleli uyazi mhlekazi?”
“Ndiyazi ndizakuthi ndiyazelaphi?”
“Beningabahlobo bekutsho wena.”
“Kengoku?”
“ UTshozi ubelipolisa koko ukufa kwakhe bekulindeleke nanini nawe ndiyaqonda ubukulindele njenga mhlobo wakhe.”
“ Sajini undichithela ixesha ngemibuzo endingena mpendulo yayo. Ndikhulule ndibheke emsebenzini.”Utsho esima ngenyawo umnumzana Phakade ebonakalisa ukungxama nokudikwa yile nqala simhlelisele yona kulendawo. “ Masikukhulule mhlekazi, sizakuphinda sibuye akuphelanga ntsuku.”
Sihambile nosajini sayakungena eNgcobo selitshona ilanga, apha endleleni akukhange iwuvule umlomo lendoda kumsindo ebinawo, make ndiyokuphumla ibinde lemini yam yokuqala emsebenzini ndibuye ndilindele usuku olulandelayo noko kulo msebenzi ndiyafunda.
Isaqhubeleka➡️