Healing Session on Helderberg FM 93.6

Healing Session on Helderberg FM 93.6 Contact information, map and directions, contact form, opening hours, services, ratings, photos, videos and announcements from Healing Session on Helderberg FM 93.6, Show, Cnr R44 & De Beers Ave, Somersetwes.

28/09/2024

"Soze ndimxolele"
Wakhe wawathetha la mazwi? Kwakutheni?
Tonight on Healing Session on Helderberg FM 93.6 21H00 - 24H00

27/04/2024

Yho kanene ndikunomathotholo HelderbergFM 93.6 till 12 midnight, phofu ke ukuba awumamelanga yingxaki yakho!
πŸ™†πŸ™†πŸ™†πŸ™†

13/04/2024

#

Mandithathe elithuba ndibulise kwi Healing Session nak*mbhexeshi wenkqubo. Ndiyathemba ukuba nowam umyalezo uyakuze ufikelele emoyeni.

Andizukuzichaza ke igama lam and ndicela ungandichazi tata ngenxa yezizathu zam ezithile. Ndingumfana okhulele kwikhaya elikhonzayo futhi nabazali bam ngabantu abakhonzayo futhi abakhokheleyo enkonzweni. Bekukuhle futhi yonke into ihamba kakuhle k*m nasenkonzweni until ndoluka ndaba yindoda. Nam ndihambe ndabayinkokheli yolutsha apha enkonzweni. Kuthe apha ekuhambeni kwexesha ndafumanisa ukuba abantu banemibuzo malunga nokungatshati kwam. Abanye bahamba bethetha emacaleni besithi mna into endiyenzayo kukuthandana nabantu abatsha kodwa ndingabatshati. Kulonyaka ungapha kwalo uphelileyo ngo 2022 ndenzelwa iyelenqe yenye intombazana yatyhola ngelithi mna ndayithembisa ngomtshato and ewe sikhe sa date nale ntombazana kodwa andikhumbuli nakanye ndiyithembisa ngomtshato. Into ke eyandityhafisayo kuqaphela ukuba iiLeaders zithatha icala mhla sasihlaliswe phantsi kuthethwa nathi. Majority yeleaders yayifuna ukuba ndimtshate lo mntana and mna andifuni. Ewe ndasuswa nakwi position yeYouth Pastor futhi ke andikhathali kodwa into eyandidanisayo kukuba ezinye leaders zithathe icala zingafuni ukundimamela mna. Ngoku enkonzweni ndijongwe njengomntu odlala ngamantombazana.

Ndicela ucetyiswa ndithini
Enkosi ndizohlala ndimamela njalo kwi Radio.

16/03/2024

on Healing Session on Helderberg FM 93.6

Molweni kwiHelderberg FM nak*mphathi nkqubo. Yazi tata ngekukuhle ukuba elowo nalowo ebenokhe aphiwe ithuba eze apho kwi show yakho azozityanda igila. Sihluphekile tatam and siyabetheka nyani kwezi nkonzo sikuzo kodwa ke asizuyeka ukhonza uBawo kunzima kunjalo.

Ngo2019 January just before covid ndiswelekelwa ngubrother wam and ekhaya asinabazali sishiyeke sobabini qha. Onke amathemba wethu asenkonzweni ngoba yiyina family ebesesishiyeke kuyo. Ukusweleka kukabrother wam akuzange kubekho nomnye enkonzweni oncedisayo kwi preparations zombgcwabo. Kunani kona ukuba kubekho nokuba ngumzalwane ke obuzayo ukuba ndiqhuba njani. Luckily mna nobrother wam sisembuthweni otherwise ngekwakuphandle k*m.

Mna ndizoyiva ukugqitha kwesingcwabo ukuba umfundisi wathi mna kwakufanele ndiye kuye ndimcacisele ukuba kuzokwenzeka njani ngomngcwabo. Elam lithi ndandizakulifumana phi ixesha lalonto njengoba ndandisehla ndisenyuka ndizamana neendlela zokuba angcwatywe ubrother wam. Ndazibona ndililolo kulo nyaka ka 2019

Apho tata ndaye ndafumana uncedo kwenye inkonzo le ndisekuyo ke nangoku, kuba ndaphuma pha. Enye into eyandikhathaza kakhulu kukuhamba ndisiva apha esithubeni ukuba some of the church leaders zazisithi inkonzo asingomasingcwabane. Mna tata ndandinethemba nje le support hayi enye into.

Enkosi kakhulu nangokusipha le platform

NdinguZimasa eKhayelitsha

02/03/2024

Molweni kuHealing Session.

Ndiyacela tata xa unechance uzuke uthethe ngalo mba wokutshatiswa kwabantwana ezinkonzweni babe bona bengafunanga ukutshata. Mna tata ndingomnye wamaxhoba ndisitsho nje. Caba ukhona lo bhuti wayezibonele mna Tata worse ke ndisagqibezela kwizifundo zam eUniversity. Mna ndive ngenye imini kusithiwa kukho intlanganiso phakathi kweeLeaders zenkonzo, abazali bam kunye nabazali balo bhuti caba uzibonele umfazi ke apha k*m.

Mandiyenze mfutshane tata, all in all mna ndamelwa ngutata apho wathi ukuba mna andifuni ukutshata nalo bhuti akukho mntu uzodlula kulo nto. Zaba ngazama iiLeaders zizama noku manipulator abazali bam hayi akavuma utata as long mna ndingafuni. And enye into ayacaphukisa utata yimali le babemnunusa ngayo bade bayibize ngegama bathi seyikhona iR20000, kutsho iileaders zebandla. Mna ke tata into eyandikhubekisayo sisibindi senkokheli ezi zecawa ukuba bade bafune ukunditshatisa nomntu endingamfuniyo. Ndlela le yayi serious ngayo utata wam wade wanqunyanyiswa enkonzweni and ndithetha nawe nje asisakhonzi kulo nkonzo.

I think that church leaders should give a chance to abantu abatsha ukuba ibengabo abathethayo bavumelane ukuba bayavumelana isigqibo singaveli kubo as leaders. Kaloku aba bantu ngabo abazakuhlala kunye emtshatweni.

Okanye ndiyaphazama na. Makhe ndive kubaphulaphuli.

17/02/2024



Tata madibulise ku healing session nabaphulaphuli.
Mna tata bendingumntu okhokheleyo enkonzweni ndaze ndaphuma ndaya kwenye inkonzo. Ekuphumeni kwam zange kubekho ngxaki ngoba noMfundisi ndahlala naye phantsi ndamcacisela izizathu zam. Azihambanga kakuhle ke izinto kwibandla ebendikulo ndaqonda ukuba mandibuyele ekhaya.

Ekubuyeleni kwam ndiye ndabona ukuba izinto azisafani nakuqala and ngoku andisathathwa njengolwahlobo ndandilulo ngaphambili. Andisathathwa nanje ngenkokheli ngoku. Tata nindive kakuhle nabaphulaphuli andikho semva kwezikhundla kondwa umbuzo wam uthi; kanti umntu owayegcotyiwe njengesekela likamfundisi xa athe waphuma enkonzweni waya kwenye luyaphela na olo gcobo wayegcotywe ngalo.

Ndicela nje ukucetyiswa tata ngabaphulaphuli ngoba k*m ayingeni kakuhle le yokudelelwa nokujongelwa kwam phantsi ngolu hlobo.

Ndawuva kuni ke tata nabaphulaphuli.

  MAYIBONGWE TATUMAGIDI NABAPHULAPHULINdiyabulela kakhulu tata ukuba siphinde silifumane elithuba lokuza ngaphambili nee...
10/02/2024



MAYIBONGWE TATUMAGIDI NABAPHULAPHULI

Ndiyabulela kakhulu tata ukuba siphinde silifumane elithuba lokuza ngaphambili neengxaki zethu. Tata this helps a lot and baninzi kakhulu abantu abathi go through a lot njengam lo.

Ingxaki yam tata iqala apha endlini kodwa ke kuba singabakhonzi kudala ndikhala nakwi leaders kodwa andikhathelelekanga ntonje basuka bathethelele lo mntu ndikhala ngaye. Tata ndiyahluk*mezeka kakhulu emtshatweni wam and lento iqale emva kweminyaka emibini sitshatile notata lo. Ndaye ndanyamezela kuba ndicinga lungakhona utshintsho kodaa hayi kuya kubanzima. I'm going to be honest tata kodwa please ungalichazi igama lam emoyeni xa usharisha le message. Asikafumani bantwana apha emtshatweni kodwa mna ndatshata sendinaye umntana utata yena engekabinaye. Sizihambile iindawo and saya nakoogqirha kodwa hayi akukho nto ilungayo.

Into eyenzekayo ke ngoku ndim ojongeke ngengomntu ongazisi bantwana emtshatweni and ngoku utata unyawo lwakhe luyakrokrisa. Kunezinto endizibhaqayo ukuba uyazenza and xa ndim confronta akhanyele kodwa ezinye zicace gca. Xa ndimbonisa ubungqina bokuba ndiyazibona izinto azenzayo uvele abe violent. Ndinamaxesha tata okhe ndingayi enkonzweni kuba ndibethiwe futhi ke ukuqala kwam ukuxelela iLeader yalapha enkonzweni yasuka yandixelela ukuba mna ndiyayazi ukuba kufuneka ndithini ukuze kulunge emtshatweni wam.

Kuninzi nje endinokutsho tata kodwa ndihloniphe nexesha lakho. Endinokutsho nje kukuba ndiyahluk*mezeka tata, umntu enditshate naye ayisenguye lowa ndandicinga ukuba nguye. Ikhe phele inyanga singathethisani aphinde athethe ngelo xesha athe wabanomdla ngalo. Ngoku andisabuzi nokubuza xa equmbile okanye enze into endingayithandiyo ngoba ndiyayazi ukuba izakukhokhelela ekuthukweni okanye ekubethweni kwam. Ndithi sendicinga ukuphuma kulo mtshato ndikhumbule izifungo endazenzayo phambi kwabantu ndisithi ebubini nasebumnandini.

Ndicela imithandazo tata please

😭😭😭😭

14/10/2023



Molweni tata nabaphulaphuli

Ndibhala ndikhathazeke kakhulu tatam ngoba kuyintlungu ukuthemba umntu ingak*mbi inkokheli yenkonzo ezakujike ikujikele. Mna ndiyahlukana nomfazi wam ngenxa yeLeader yenkonzo tata and ak*mnandanga tu tata. Ngendisithi ungandichaza tata qha lo mcimbi sowungenwe nazifamilies zombini sithetha nje. Ndanele tata yhu sendifuna nje indawo yokuthetha nokucetyiswa.

Ukususela last year tata ndingaphumli and ndancama ndayiyeka inkonzo ngoba andiyiboni into endiyikhonzelayo xa kanti umzi wam uzakuchithwa kwangulomntu ndimthembileyo. Ndaqala ndambona eqhuba imoto yam ezodropha unkoskazi besuka kwiMeeting, ndathula tata ndingacingelanga nto. Ndaphinda ndambona nangenye imini ehleli kweli cala likaDriver emotweni yam ndambuza unkoskazi ukuba kwenzeka ntoni kutheni imoto izak*mana iqhutywa nguye, wathi yena ebediniwe. Abazalwana babendilumkisa kodwa mna ndingafuni nova oku kuba ndimthembe nyani umfundisi futhi nowakwam ndimthembile. Abazalwana babendibuza nangalento yoba unkoskazi abephambili kwizinto ze leadership kodwa mna andikho kwakulo leadership yenkonzo.

Ndahletyelwa tata ngenye icawe ukuba nabo beyophola elwandle ngelo xesha kuthiwe k*m kuyiwa kwiMeeting neeLeaders zezinye iiBranches. Qha ngelishwa zange ndikwazi nokuleqisa kuba ndandisemsebenzini. Kodwa tata iimpawu zona ziyabonakala kwalapha kunkoskazi ukuba ikhona into ayifihlayo. Tata ndidikiwe ngoku and kudala ndithule ndiligcine k*m eli hlazo. Unkoskazi ndade ndathi kuye masiyeke enkonzweni siye kwenye inkonzo kodwa akafuni nokuva and uyakhanyela uthi akukho nto imdibanisa notatuMfundisi yena, nomfundisi uyakhanyela. Tata ndanele mna ngoku and akukuhlanga tu apha endlini.

Ithwani into enjalo tata

23/09/2023



Molweni Tata nabaphulaphuli

Ungandichazi please tatam kusenzima k*m nabazali bam

Tata ndithi makhe ndithathe eli thuba usinika lona nam ndiphalaze imbilini yam. Mna ndayeka enkonzweni futhi ndlela le endi disappointed ngayo andiziboni ndiphindela enkonzweni. And enye into inkonzo yandixabanisa nabazali bam especially utata. Utata naye ngumntu ohloniphekileyo kakhulu enkonzweni. Ingxaki yaqala mhla ndingazange ndifune ukutshata nomntu endandimkhethelwe ngabo enkonzweni futhi notatam ekhona kulonto.

Ndala kwaphela tata and mna ndandingazutshata nomntu endingamthandiyo. Ndithetha nje nawe asisavani ncam notata kodwa umama uright yena sewaxola kodwa mna ndancama ndazifunela indawo ngoku ndiyazihlalela kuba kungekho mvisiswano phakathi kwam notata.

Andazi noba ndenza rongo na kodwa ndicela ubuza ukuba kulungile na ukutshatiswa ngenkani ube wena ungafuni?

Enkosi.

16/09/2023



Mandithathe elithuba ndibukise k*mbhexeshi wenkqubo nakubaaphulaphuli be Healing Session.



Tata sizinkokheli zeli bandla ndikhonza kulo sixakene noMfundisi wethu. Kudala esenza izinto ezimasikizi nezimanga endingenakuzibalisa apha kweli qonga. Kodwa tata sixakene nento and nabazalwana bayasibuza ukuba sithuleleni na. Andizukuzichaza tata izimanga zikamfundisi kodwa ndiqinisekile ukuba ibingomnye umzalwana lo wenza ezi zimanga ngekukudala wasikwayo ebandleni. Ndithetha nje nawe wohlukene nomfazi wakhe futhi uhlala nenye intokazi angatshatanga nayo.

Kudala sithetha naye kodwa usimele ngelithi ukuba umntu udikiwe kukhonza kwibandla lakhe makaphume. Mna nomnye utata sazixelela ukuba asiyi ndawo futhi asizukuthula. Ibandla likhe laqhekeke futhi hayi kanye kodwa kathathu. Ezinye iinkokheli zathetha zancama zada zahamba.

Kanti kuthwani na tata. Khona ibandla ibalelomntu okanye ibandla lelikaThixo. Tata ikhona nangoku iyantlukwano futhi ilichaphazele lonke ibandla. Abanye bakwicala lakhe kanti abanye bavumelana nathi kwelithi makakhe ahlale phantsi umfundisi, kodwa uthi akazuyenza lonto yena and akazuxelelwa sithi ngoba waliqala phantsi eli bandla.

Ithwani into xa inje. Khanicebise please.

11/09/2023

‭‭James‬ ‭1:2‭-‬4‬ ‭NIV‬‬

2. Consider it pure joy, my brothers and sisters, whenever you face trials of many kinds,

3. because you know that the testing of your faith produces perseverance.

4. Let perseverance finish its work so that you may be mature and complete, not lacking anything

GOOD MORNING FRIEND
REMAIN BLESSED
GOD LOVES YOU

09/09/2023



Tata ndiyathemba ukuba lizakubakho ithuba lokuba uvakale nalo wam umyalezo and ndifumane ukucetyiswa nam ngabaphulaphuli.
Ndingumntu okhe wagula kakhulu tatam and beselingekho ithemba lokuba ndingaphila. Andizukusichaza isigulo ebesindihlupha kodwa mhlawumbi ngenye imini ndingaze ndilifumane ithuba lokuchaza konke hayi okwangoku tatam.

Ekuguleni kwam ndingumntu obehamba icawe, phofu ndisakhonza nangoku nangona ndaphantse ndayeka nje kuba ndandimqumbele uBawo kunye nendlela endandiphetheke ngayo enkonzweni. Ndahlupheka kakhulu tata ngoba xa simane sivuka esi sigulo sam ndandiye ndithandazelwe ngamanye amaxesha kubengcono kodwa ndamanye amaxa hayi kubenzima kakhulu. Into ezondihlupha kakhulu kukuba abazalwana ndawonye neeleaders zihambe zihlekisa ngesigulo endandinaso zisithi ndinamadimon anganyangekiyo. Worse omnye wade wathi mna le into ndinayo ayisafuni nokuthandazelwa seyifuna ukuxhelelwa nangona nje kwayena eshumayela intsindiso. Ndikhathazeka nangoku tata and ngamanye amaxesha ndikhe ndicinge ukuba confront ngeza zinto babezithetha ngam ndokuya kwakunzima k*m. Kodwa uThixo wenza ngeenceba zakhe ndaphila tata and ngoku ndingumqabaqaba. Kodwa lo mfundisi wayekhokhela eli bandla ndandikhonza kulo ukhe azoshumayela nakweli ndikulo ngoku kodwa hayi kubabuhlungu k*m ngoba ndisuke ndicinge eza zinto wayezithetha ngam nabazalwana.

Andazi noba ndimngqale na okanye ndimyeke kunye naba bazalwana babehlekisa ngam. Kunzima ukuxola tata yhuuu

Address

Cnr R44 & De Beers Ave
Somersetwes
7130

Alerts

Be the first to know and let us send you an email when Healing Session on Helderberg FM 93.6 posts news and promotions. Your email address will not be used for any other purpose, and you can unsubscribe at any time.

Contact The Establishment

Send a message to Healing Session on Helderberg FM 93.6:

Share

Category