Camagu Sukwini

Camagu Sukwini Archiving the journey of MamSukwini as she heals, teaches & adds depth to conversations on ubugqirha—bringing spirituality to the centre of ubomi babaNtsundu

Kunga izihlwelwe zingalubabalo phez' kwentloko yale Ngwevu yakwa Chayi.  Kunga kule minyaka yengqokoqho ingafumana ukuph...
05/09/2026

Kunga izihlwelwe zingalubabalo phez' kwentloko yale Ngwevu yakwa Chayi. Kunga kule minyaka yengqokoqho ingafumana ukuphumla nogcobo. Kunga imbewu yayo ingamila ibesisipili semisebenzi yayo emihle. Kunga amathole namathokazi ala nkundla angangumfuziselo wenyanda ibotshiwe. .

Makube licamagu elihle kula nkundla. Kunga emveni kwenyawo zegqirha kunga vela amakhowa🙏🏿🩵🩵🙏🏿

Camagwini

Iintsana zikaMama no Tata🙏🏿🤍🩵💙. Makubelicamagu elihle kule mpela veki kubo bonke abantwana bokugula kwindawo zonke abaph...
21/08/2026

Iintsana zikaMama no Tata🙏🏿🤍🩵💙. Makubelicamagu elihle kule mpela veki kubo bonke abantwana bokugula kwindawo zonke abaphehlelwa kuzo.

Kula mhlaba wase Motherwell mhla kubekwa la ntombi yakwa Giqwa enkundleni yakowabo. Sicamagushile🙏🏿💚🫒🍋‍🟩
19/08/2026

Kula mhlaba wase Motherwell mhla kubekwa la ntombi yakwa Giqwa enkundleni yakowabo.

Sicamagushile🙏🏿💚🫒🍋‍🟩

11/08/2026

Yatsho idyongo kulantombi yakwa Giqwa isithi uzube ngunova lisiza, isithi uzube ngunozinti weendaba, isithi zekungabikho nto ikudlulayo Mhlekazi omhle. Kunga indlebe zakho zinga soloko zimamele ekuxoxwa ngamawenu

Umntu nobhuti wakhe . Kunga kungangangeni moya Lawu🙏🏾🙏🏾❤️❤️❤️
07/08/2026

Umntu nobhuti wakhe . Kunga kungangangeni moya Lawu🙏🏾🙏🏾❤️❤️❤️

Umntu no mamakhe torhwana🥹❤️❤️❤️. Ingulo ungayi thini na bethuna.Camagu
31/07/2026

Umntu no mamakhe torhwana🥹❤️❤️❤️. Ingulo ungayi thini na bethuna.

Camagu

Phaya kude kudala, amagqirha ayevame ukuthi xa enika umkhwetha iselwa "zezifumane indawo yokuhlala into ezithethayo zako...
30/07/2026

Phaya kude kudala, amagqirha ayevame ukuthi xa enika umkhwetha iselwa "zezifumane indawo yokuhlala into ezithethayo zakowenu". Xa esoleke athi " Wokulixakatha entungo, oonozanendaba bakowenu zebaphendule". Xa betshintsha ukuthetha aba khohlela esingeni bamandulo babesithi "N**i izitya zamayeza akowenu, apha endleleni gqirha, uzuhlale uqulile"

Camagwini🙏🏿💙🩵🩵🙏🏾

Abant' abahle. Umhlekazi uMamSukwini nomhlekazi uMampehle. uNomthetho noNomayeza. Camagwini🙏🏾🩵💙🙏🏿
30/07/2026

Abant' abahle. Umhlekazi uMamSukwini nomhlekazi uMampehle. uNomthetho noNomayeza. Camagwini

🙏🏾🩵💙🙏🏿

29/07/2026

Chu uTata emva kwegqirha bethuna...makungarhuqwana🤣...zishushu ento...ningaboni nje zisifanela.

Kula nkundla yasemaSukwinini

OoDibashe ooSandlalangca . Mhla kumiliselwa la nkunzi yala nkundla yakwa Franz, kusithiwa nale inkundla mayibe nentlabi,...
29/07/2026

OoDibashe ooSandlalangca . Mhla kumiliselwa la nkunzi yala nkundla yakwa Franz, kusithiwa nale inkundla mayibe nentlabi, kusithiwa la maxhanti eeNgwevu neeNgwevukazi Zama Sukwini mawangadingi sijoli, angadingi mntu wokuthuma xa kukho ithole le duna kumlibo ka Frans

Camagwini🙏🏾🩵💙🩵🙏🏾

Address

Ngxangxosi Street, Motherwell
Port Elizabeth
6211

Opening Hours

Monday 09:00 - 20:00
Tuesday 09:00 - 20:00
Wednesday 09:00 - 20:00
Thursday 09:00 - 20:00
Friday 09:00 - 20:00

Telephone

+27818645713

Alerts

Be the first to know and let us send you an email when Camagu Sukwini posts news and promotions. Your email address will not be used for any other purpose, and you can unsubscribe at any time.

Contact The Establishment

Send a message to Camagu Sukwini:

Shortcuts

Share