Imbongi by M.Majozi

Imbongi by M.Majozi Imbongi yosiba...
Nants'into esandleni Sakundi rhawuzelela
Isandla sam,Ndithath
'usiba ndibhale, ezimnandi,
ezethemba,Nkqu nezimbi. Siza kuzifuman'Apha.

Kuba kaloku zonke esizivayo,esizibonayo
ziyasi chaphazela Nathi
Ndiyeke Ndi Ntinge
Kuba Ndizaku Phathela
Ncuthu Mazangwa
Ngolu Lwam Usiba

29/07/2022

Happy birthday to me🎊🥳🥳 please say Horaay 🥂🍾
30/07/199🤦‍♂️

24/09/2021

Hey guys Ndiyathemba ukuba niyaphila❤️😊.
As we are celebrating for Heritage Day, I wrote a poem just for you.👇

🗣️Ungalahli Imbo ngoPhoyiyana, Kuba Uphoyoyana Uyemka ngomso

Please share this post with you friends

09/08/2021

Happy Women's Day ✊

09/08/2020

's_day

Hoyinina!! Hoyinina..Ingakhala imbongi kuqala ukulunga.Nifikil' apho benibhalelwe khona,nguwole lomzi benisolathiswa nga...
04/12/2019

Hoyinina!! Hoyinina..
Ingakhala imbongi kuqala ukulunga.
Nifikil' apho benibhalelwe khona,
nguwole lomzi benisolathiswa ngawo ngalamakhwenkwe.l,
Umz' ongafikelwa zindwendwe asilokhaya Elo.
Ndibamba ngazo zozibini Kubo abo bebenibhexeshela ezonqwelo,
Nafika niphephile ningabikwa hlaba.
Ndithi mabuded' ubumnyama kuvel 'ukhanya kube chosi kube hele.
Kubenje, Kubenjenje Kubenjenjeyaa.

Khanindiboniseleni (x2)
NgoMamBhele yintombi zothile, Inobubele.
Ayobhobhile yonisokolisa oyiphetheyo,
NguMam' ononcum' olude,
Uyofila entyiloza ngathi ngumLonji,
Wena wakhewayiv' Intaka ixel' imin' ezolileyo.
Unjenge Pikoko!
Yintyatyamb' uth' uyikh' ibihluma kwintabezikude kumasithela ngapha komMangondini,
Elivumbelimnandi komakhelwane.
Le ntyatyambo yaphandl' Otolo ,Ozulu, uMchenge bhathi Asinongangeni kwaCokile kumbheje-mbheje.
Vuyani nigcobe Nina nizalelwe Intombi Nath' ukuyibiza Ngu Sinekhaya
Zeniligcin' Elokhaya lifukame abazukulwana



30-11-2019
I was performing this Poem

30/11/2019

Hi friends
Ngubani ofuna ubona iMbongi☺️☺️
(Picture)

11/09/2019

Uwile ! Uwile ! uMthi omkhulu
Uwile, uwil' uMthim'khule,
Undlebentle zombini uyibekile inqawe,
Kwabel' ukugcazelana ndithetha ngombel' ebebhongxel' ukwangisa
Inkom'engabethelwa bisi lwayo

Seku khal' iBhungane akusakhal' esakhe isicathulo..
Kub'ebengumntu ebantwini,
Ebetha ngonyawu lonwabu
Oku ngathi uchwechwela umhlaba

Ulwile Rabebe ugalela uhlanganisa Le ntwan' uKufa
Ikubetha imbambo zingcazelane, intloko, inenduma, amadolo namaqatha de wanikezela walala ngomqolo Nyana ka Qhagana gqibelo likaMaZondi..

Ulwile Ngwevu enkulu ugcumela ngaphakathi kukhala abakubonayo,
Bawenzile amatile-tile,
Wabhilwa-bhilwa ngoGqirha bejonga ubunzulu Benxeba besithi Hayikosele..

Sojonga kubanina kub' ubu senje-nje ukutshona uvela
Usiza ngeHashe..
Maxawabhi ukhatshaze
Uwuqokelela umlisela nomthinjana

Ubuluncedo ekuhlale ufakisandla komakhelwane Tyhini! Sapho lakowethu asilahlekelwanga sodwa
Isizwe siphulukene nenkcubabuchopho..
Ifolosi yakwabani!!

Liyi nene kunje kuzo Zonke, intlanga,
Ukufa akunalusini..

Lala ngoxolo Rabebe, Mthimkhulu, Ndlebentle zombini
Besingenokwala nawe xakufiku Kufa..

_this_poem_last_year
26-05-2918.

01/05/2019

Bhota mzontsudu!! Bhota!!

Qhoboshan' imilomo kaloku ntozakuthi
Nichoph' ezithendeni
Intombi zodlal' ukhukho ziqoshele..
Ndiniphakele ziseshushu kuba kaloku andifuni ziphelel' eziko.
Nigalele kuvimba wenu..

"Mayibuye I Afrika" Amagqal' omzabalazo ,
Ayesitsho ngazwi linye .
Beno mbon' omnye
Bene hamb' enye
Ithemba lab' ibikuku bon' uMzantsi Afrika , utshintshile.
Bebeke ubumi babo esichengeni
Becing' ingomso lomnt' omnyama..
Iziswe sakwantu sikhululekile.

( yes/no)

Address

Ndakana Location
Nqamakwe
4990

Telephone

+27719803114

Website

Alerts

Be the first to know and let us send you an email when Imbongi by M.Majozi posts news and promotions. Your email address will not be used for any other purpose, and you can unsubscribe at any time.

Contact The Establishment

Send a message to Imbongi by M.Majozi:

Share