Amathol’ omgquba

Amathol’ omgquba i can only say following your talent and dream brings only good fortune and open many opportunities

21/10/2020

MASIXABISENI AMASIKO!!!

Xebe embo.o.o!!Embo.o.o!!!
Ziphi na iimini zamandulo??
Ziphi na iimini zobuntu??
Ziphi na iimini ekuselwa umqombothi??
Bayaphi na abafana besibane bokuXhentsa??

Zayaphi na iintombi zokombela??
Zayaphi na iimazi ezinamabele made zokunyisa??
Zayaphi na iintonjane??
Anivanga na abaNtsundu bekhwaza ibuyambo??

Anivanga AmaXhosa esithi isiko malixatyswe??
Masihambe ngosiko lentonjane ntozakuthi sosikeleleka
Masihambise ocacileyo umyalezo ngosiko lethu madoda
Ukuze kube Chosi kube Hele kumaXhosa

Camagu!!

21/10/2020

THANDO LWALUVELAPHI??

Vityo.o.o!!Vityo.o.o!!!
Ikhwelo lityala madoda
Ndiyekeni ndibhodle
Ndiyekeni ndiphalaze imbilini yam

Ndize ngendaba zothando
Thando lwalusukaphi??
Ngumfo kabani nalo??
Inkani zakhe zisuka phi??

Ubungandithandi izolo oku na??
Ubusithi ndibuBomi
Ubusithi Sofa Silahlane
Kant' uthi lala gusha ndikuchebe

Bebendixwayisile abalwaziyo
Ukuba zekhe ndingangeni ndonke
Ndikrobe njee ngeliso
Gxebe izitshixo zenxili yam bezihlala kuye esifubeni

Hayi umntu bendimthanda undigqebhile
Ebendimthanda undonzakalisile
Ntliziyo yam impompoz' igazi lenxwaleko

Ibeth' okwentyil' ehlel' engqeleni
Nyembezi zinqamlez' umbombo
Isingqala sibhakruz' okomban' ekrazul' isibhakabhaka

Khendichola-chole iingceba zentliziyo yam
Haaaa...heyyyy...Iyhooooo!!!!

Zizipho Zzpho umbhali

21/10/2020

ILAHLIWE IMBO NGABANTSUNDU

Hoyina.a.a!!Hoyina.a.a!!!
Atyeshelwe amasiko kwantu
Ilahliwe imbo ngabantsundu
AnindiWoyi na!! AnindiWoyi na!!
Ndithi nto zobawo sekonakele

Naze nayenza into yongcothula
Umthi nengcambu zawo
Amahlumela omzantsi niwabulele
Imbali entle niyigqwalasile

Umnombo womntu omnyama niwubulele
Ubuntu bethu sibulahlile
Kuba kaloko silandela ezasentshona
Amasiko akuthi awasenaXabiso

Amasiko akuthi aphel'isidima
Sisiwangawili njer into engavakaliyo
Zibhalile into zakuthi zikhusel'ulwimi
Zibhalile into zakuthi zicacisa ngamaSiko

Kaloku ilahliwe imbo ngabantsundu
Ndanombono sidloba
Ndanombono sincedana
Ndanombono intlutha ibuzwa kuthi

Masibuyeleni Emboo ma-Afrik'amahle
Apho umntu azaziyo uba ungu Mamni
Apho umntu azaziyo unguMni
Apho umntu ayaziyo imvelaphi yakhe

Mandehle kwakutshona ilanga ndikhenkceza
Ndegraam graazooo!!!!

Zizipho Zzpho

20/09/2020

Heritage month Bantu 😊😘❤Imibongo izawupoqa ❤

05/07/2020
05/07/2020

Bhotani Sizwe sika phalo andizubamde ntonje ndizochaza uba unani lunyukile sibahlanu ngoku 😊😍❤

28/06/2020

Yasitshabalalisa Isizwe Ngalento Uyenzayo!!!

Ouw Mzontsundu!!
Laphel'ilizwe sijongile!
Oomama nabantwana bayadlwengulwa,
Umhla neZolo,
Mzuzu awupheli singevanga sikhalo,
Yure ayipheli singevanga dlwenguliweyo,
Mini ayipheli kungekho sidumbu siphumileyo,
Malanga ayaqengqelelana.
Kanti senzeni na thina bawo?
Saziswa emhlabeni ukuba sizohlalisa kwanina Madoda!
Ngoku asazi xa nivele nijikele Kwathina.
Uyakuthini uthatha iqhayiya nebhongo lakhe?
Into ebezidla ngayo,
Ebesithi xa ehamba enjenje enjenje,
Kujikwe kujongwe kuye.
Ouw isidima sakhe Madoda!
Wamenza sihelegu ndini
Thethuba awuliva lizwi lakhe lilusizi xa lucenga?
Thethuba sikhalo sakhe sikrakra awusiva?
Wamshiya nomzimba Ongaphelelanga,
Wamshiya nenxeba elingasoze laphola.
Andithethi eyoba ude umbulale!
Undibona njer ndidandathekile,
Moya wam uxhelekile,
Ntliziyo yam ilihlwili.
Akonwabekanga tuu
Kuyala uba mandixole.
Hamba njer endleleni unoloyiko.
Kwamntu uyindoda uzayo ujika ngoko nangoko ngamendu.
Hayii Inene siphila ubomi Bentshontsho!
Hayii noko khanibuyise unyawo
Zange safundiswa kanje ngaba bamandulo!
Yasitshabalalisa Isizwe Ngalento Uyenzayo!!

21/06/2020

Mbongi zimbini ogama lingu Imihla Mashiya kunye no Zizipho Mahlinza kweli khaya

21/06/2020

Bhotani Mzontsundu
Mandigawule ndiwarhuqa
Andizubamde ndizakuthi gqaba gqaba njer amabal' engwe
Mandiqale ngoba ndibulele inkxaso yenu ndixolise ngongabhali ukubhala sizakuqala kungekudala
Mandibambe ngazo zozibini

Address

Johannesburg

Telephone

+27629706556

Website

Alerts

Be the first to know and let us send you an email when Amathol’ omgquba posts news and promotions. Your email address will not be used for any other purpose, and you can unsubscribe at any time.

Contact The Establishment

Send a message to Amathol’ omgquba:

Share

Category