11/12/2019
NDONILE BAZALI BAM NDIYAZISOLA
Ibiyiyimini yokubhiyoza nomntu wonke Bekungomhla wama-31 kwinyanga yoMga ukuphuma kwam ekhaya ndishiya udade wethu yedwa bedifuna ubasemdlalweni nam nje ngamjita kontanga bam xa besiya eRenkini.
Noxa abazali bebengayazi ukuba ndiyafika k*mabile banda nokuba ubusuku ndiyabazi kodwa mna ndaye ndanyanzelisa Njengamfana ebesandophuma entabeni bendifuna uyobona inzwakazi bendingayazi ukuba ndizisa emlonyeni wengonyama
Ndiyozikhupha umphefumlo kusekutsha NDONILE BAZALI BAM NDIYAZISOLA
Ibingezizo injongo zam ukuphuma ngobusuku
Ndivumele ingcinezelo yontanga yandongamela Ootshomi bandenza ndalibala ngesiyalo endisifumene ebuhlanti emaxhengweni kwangathi vuleka mhlaba ndingene.
NDONILE BAZALI BAM NDIYAZISOLA langozi yenzeke eGrabouw Bendikwenye yezamoto zinhlanu zigquzuleneyo Abantekentiswe ngamayeza bathi ndlela le ababantu bebonzakele ngayo
Akukho namnye osindileyo
Nalanzwakazi ibidala k*m bendihamba naye alilenzanga ixesha liweleke ngoko nangoko
Besiphantsi kwempembelelo zothando Ingqondo zethu bezisanxinenene ngumculo besimjayivela emotweni
Silibele ngemigaqo yendlela
GQIRHA NDITHI NDICELA UZUTHI EBAZALINI NDONILE KWA NDIYAZISOLA NDICELA UXOLO ndisa phefumla
Uze uthi ndithe "Uthando lam kubo lunjulile" ndayazi lu uzayo unyaka andizuyutya nabo ndimkile ndiye koyise omkhulu nindijongele abantwana bam Hlelo no Kemo.
NDIYAZISOLA
NDITHE NDITHE NDAKULIBONA ELA GAZI BELIPOPOZA INGATHI LIPHUMA ETEPINI NGELIXA LE NGOZI KANTI IBI NGABAZALI BAM BEBEBUYA E CASINO.
NDONILE BAZALI BAM NDIYAZISOLA.
Ichza Lomdiza Imbongi.