Sikholisiwe Mandala Imbongi yosiba

Sikholisiwe Mandala Imbongi yosiba Ndibhala imibongo yesixhosa apha kwanto engemibongo yam uzoyifumana apha

31/03/2022

Inkunzi kunyamezela

Silala ngenyembezi sivuka ngazo asimazi unobangela
Siphila kwilizwe lemali kodwa asifumani misebenzi
Ndithi siphila kwilizwe apho kungekhomntu onceda omnye nditsho nalo uphuma naye esibelekweni esinye
Inkunzi kunyamezela

Kukhwabafunde de bayityekeza kodwa abohlukanga kwabangafundanga
Kaloku eli lilizwe lwabangcatshi nabanyuluki abakufaka emsebenzini ngose unyobe
Ndithi lo ungafundanga ufakwa endaweni yalo ufundileyo yena kengoku ahlale neqwakuqwaku elithi bekufanuba uchoph'edesikeni abe ngeloxesha evuna ama Apile ukuze alale etyile
Inkunzi kunyamezela

Masiqine ma Afrika
Ezizilingo mazingafikeli ebantwini abatyeketyeke
Masiyifake entloko into yoba asoze silingane siyawusoloko sinje ngeminwe
Sinqwa nezandla asilingani,nentlahla azifani
Masikhumbule into enye ngokuya sasizalwa saza sikhala nto leyo eyayicacisa ukuba ubomi abuzobalula
Sazalwa sifumbethe amanqindi nto leyo ethethuba siphethamathamsanqa
Ayeza amathamsanqa qha asizufika xesha ye entanjeni
Inkunzi kunyamezela

Mandala

28/03/2022

Thixo mfeli ngqangi
Qamatha thixo wokhokho bethu,ndim Lo isithunywa senu
Andizanga ngabumnandi umkhumbi umbembesile ndith ndize ndipheth'inyembezi

Bayalila abantu benu
Isizwe soMzontsundu seyele
Ilanga libatshonela emini
Bayalukuhleka kuba beqhutywa yindlala
Ngamakhoboka kuba bakholwa uchola umvundla ufile

Bathi mandibuze obubomi babuphilayo bobuya babuphilwa ngokhokho na?
Ingaba lamasiko bawenzayo bawenza ngendlela na
Babuza kuba owenzelwe isiko akohlukanga kongenzelwanga
Bandlongondloko abenzelwe amasiko kulemihla

Kuthiwa mandibuze elilizwe nilisaphi nalento nilithumela ngezifo?
Bathi ingaba ukunqula nokuthandaza iseyindlela yokunxulumana nani na ngoba babona imithandazo ingafezeki
Emaxhantini bayacela akufezeki

Owam umbuzo uthi niphi lento ninganqandiyo kusonakala
Kanti umsebenzi wenu ayikokusikhusela na ndiyabuza
Nikholiseka Xa ninceda ababulalayo bodwa ngoba ogoliyathi nibaphamandla njengokuba thina bazamayo ningasincedisi

Sizokhonza usathana ngoku kuba Thixo sisahluleki
Esidalile nje wohlulwa yintoni usikhombis'indlela elungileyo nengalunganga
Bantu abadala thabathani indawo ayinje xa izawulunga zihlabana nje ziyalamba

Mandala

24/03/2022

NDENZENI NA?

Kwilizwe lobawo NDENZENI NA?
Lowo ngumbuzo wemihla ngemihla Xa ndixhwaleka umxhelo ujacekile ebomini
Ledyokhwe isemagxeni wam izawukhululwa xaliphi ilanga ngoba ndifile yindlala nifuna de ndiwe na ukuze nibone ukuba ndohlulakele
Ingaba intsuku zokuphila kwam ziqindiwe na?
Ngoba ndihamba emahlathini ndinomva ndedwa ndinoloyiko ngongathi ndihamba kwelinye ilizwe ngenxa yentlupheko

Ndilinikiniki ndilambe engqondweni nasemphefumlweni,siyintoni Na isono Sam kulomhlaba?
Thixo ungandithathi nue ulinde ntoni ngoba ndiyintlekisa
Ndijikelezwe zintaba endingazaziyo nokuba ndazenzani
Umona lidliso eliyakubuya kwangawe
Ntshaba zam lwayaphi na usizi nanditywatyusha ngesabhokhwe okwenkomo ingeniswa ediphini phof nindiqhubela kwantshabalala ngenxa yomona
Ndinenzeni ngoba andisiso nesityebi nindimonela ndinantoni na?
Qamatha ingaba ndiyoze ndiphume Nini kwezintsunguzi,kuyobanini ndiphila ubom bentshontsho?

Ubom bam abunanqubela,intanga Zam zindishiyile zikwelinye inqanaba mna ndisagangatha ndawonye kuba andinamxhasi wondibhatalela kwimfuno Zam
Kwakutheni ze abazali bam bobabini bangaxelengi endaweni zikanokutsho ngoba mhlawumbi ngekungenje

Umasindezama akanatyala nalaphekhaya isimo ndizawusitshintsha ndizawufudumalisa ntonje ndisakhangela intsasa zokubasa
Eyonanto endihlupha kakhulu ngabantwana basekhaya bajonge k*m kodwa ndiyabathembisa ndinawo amaphupho wabo ntonje ndiswelintsiba
Thixo uncedabatheni?
Ndihlangule sombawo ndifanise nalamfana yayineminyaka ingaboni kodwa emva kwexesha wathi kuyo mayithabathe ukhukho lwayo ihambe kuba ukholo lwayo luyisindisile NGUNYAKA WESINGAPHI LO NDIHLUPHEKA?

Inyembezi mihla le zinqamlez'umbombo intliziyo iludlavu umqamelo wam ndiwuthwelisixakaxa loxanduva
hay ubom ngumnqantsa kuqabela abaneqhosa elinentunja
Sazela ndiyeke ngoba ndizamile kodwa ndohluleka
Ndililwele ilizwe lakowethu qha ndabuya nembandesikhova
Izifungo ndazifezekisa Kanti ndizojikelwa ngaba bandigqongileyo baba yingxenye yabo badiliza Africa kunzima ke ukulwa

24/11/2021

Niyazifuna ezipheleleyo record?

24/11/2021

Ndiyintombi yomxhosa

Ndisisizukulwana sikaPhalo igqabi lomthi ka Qamatha,into enwele ziqothololo zilushica inyawo eziqhekekileyokuba kuba andisinxibi isihlangu

24/11/2021

Ndiyavuma ndinetyala 😭
Bendisithi umtshato yi hadesi Kanti sisihogo ukuba ibingesiso ngendingenatyala namhlanje
Besingumtya nendoda yam engumntu othanda kakhulu icawe engaseli nethontsi lotywqla ndaqonda ingangoyena myeni ulungileyo kaloku banqabe okukanodoli oyinkwenkwe abangaseliyo kulemihla

Xa kuchetywa ingca inyoka ziyavela
Wathi akunditshata watshintsha wangumntu wumbi............

epheleleyo ikhona WhatsApp qha Andina data😭

24/11/2021

Ufikile umakhwekhwetha ingcali ingcupha buchopho yakwa Xhosa hay isisele senyathi ndivumeleni maxhosa ndizityande igila kaloku umntu ngumntu ngabantu inkxaso yenu ludonga lakwaXhosa sitha Deni isixhosa njengokuba Nani nizithanda

Address

Cossovo
Foreshore

Website

Alerts

Be the first to know and let us send you an email when Sikholisiwe Mandala Imbongi yosiba posts news and promotions. Your email address will not be used for any other purpose, and you can unsubscribe at any time.

Contact The Establishment

Send a message to Sikholisiwe Mandala Imbongi yosiba:

Share