28/08/2026
MR LENGZ PRESENTS CAMAGU POETRY EVENT
Camagwini mabandla akwaNtu😊🙏🏿🫵🏿Emveni kwethuba elide sisathe nqumama ndithi mandinazise ukuba kulenyanga sizakungena kuyo umfo wakwaHawule nowaziwa nangelika Mr LengZ uzakube eniphathele iseshoni kwaLanga. Ndicela inkxaso yenu nanjengokuba kwiminyaka edlulileyo nindibonisile. Sibaphilisa ngomoya, ndihlaba ikhwelo kubantwana bomgquba, iimbongi, abaxhentsi, abombeli, abaculi, abantwana abanomdla kwizinto zakwaNtu kwakunye nabo banolwazi baqhagamshelane nam malunga nokubangomnye wabantu abakhoyo ngalomhla.
Indawo esizakudibana kuyo kwakunye nomhla ziyawulandela. Sizakudyusha ngaphantsi kwesisihloko "ZEMKA IINKOMO MAGWALANDINI"
more info@0606908376 - Weekedays