18/10/2024
?
(La Maphupho)
Anako na ukufezeka ze intlungw'idlule,
Anako na ukufezekiswa nosizi luphele,
Akanophunyezwa na ze iinyembezi zosuleke,
Akanakuzalisekiswa na ze intliziyo ivuye.
Ayakufezeka nini la maphupho?
Entliziywe sonzakele ngenxa yawo,
Emphefumlweni sikrazukile ngenxa yawo.
Emoyeni sityumkile ngenxa yawo
Ayakufezeka nini la maphupho?
Sancama konke silinga ukuzaliseka kwawo,
Sakhetha ukufa ekuphileni simemelela kuwo,
Salibala ngobethu ubomi siphilela wona
Ayakufezeka nini la maphupho?
Namhla asinto zanto inzaliseko yawo ayikho,
Namhla sithwele ukukhoboka ukufezwa kwawo akukho,
Namhla silila esofelweyo ukuphunyezwa kwawo akukho,
Ayakufezeka nini la maphupho?
Sincama esinako sizuza okungekhoyo,
Sibil'amabunzi sizama-zama nawo asibuyi nanto,
Sihambaze sixhalele wona sazintlekisa,
Ayakufezeka nini la maphupho?
Kunini thina siguqa de kwamnyam'idolo,
Kunini sinqula sicela imfezeko,
Kunini silila sinqukruleka sicela inzaliseko,
Ayakufezeka nini la maphupho?
Kufezeka awabatheni ukuze sifane nabo?,
Kanti le mithandazo kuwiva eyabanjani iphendulwe,
Kukhanyiselwa abaphi ekunquleni sibenje ngabo
Ayakufezeka nini la maphupho?
Eneneni liyakude lizaliseke elo kufa engafezekenga,
Intshabalalo iyakusibiza engasatyelwanga,
Siyakude sigobe umnqonqo sife ukufa engazaliswanga
Ayakufezeka nini la maphupho?
Le ntlungu ikuthi iyakucikwa yinzaliseko yawo,
Olu sizi liyakupheliswa yimfezeko yawo,
Izikhalo zethu zakuthuliswa kukuphunyezwa kwawo,
Ayakufezeka nini la maphupho
Plz like, comment & Share๐ญ๐ญ
โค๏ธ๐
... โ๏ธโ๏ธ