Amaqaba Amahle

Call Directions Contact the establishment

Amaqaba Amahle Amaqaba Amahle Music Prouduction its Group of Masikandi Music

Thina sizwe esihle saMampondo uThixo ukhe wasibabala ngeMboni/uMprofethi wesintu uTata uNonkungu. Father Nonkungu was bo...
28/09/2026

Thina sizwe esihle saMampondo uThixo ukhe wasibabala ngeMboni/uMprofethi wesintu uTata uNonkungu. Father Nonkungu was born kwaNyathi near to Ntlambatshe village in Ntabankulu Town but umzi wakhe ukwilali yakuMadwaba. He was very gifted to prophecy all weather conditions especially izulu elize kakubi.

Xa ndizitolikela kakuhle isiphiwo sakhe ndingamfanisa noMprofethi uNtsikani kunye noQamata uThixo waMaXhosa. Nawe ke uyofane uthelekelele amandla awayenawo. Andinawo wonke umlando ngaye malunga nokukhula kwakhe, ukuzeka kunye nokuzala abantwana kodwa ukhulile, wanomfazi nabantwana. Yonke into yakhe yeyesintu kuphela, into enobugqobhoka phakathi yayingemfanele kwaphela. Ubesithi xa kuza kufika isichotho esikhulu abize imbizo alubuke udaba olo ngaphambi kokuba lwenzeke. Father Nonkungu was able to speak to his creator directly futhi aphendulwe nibone.

In 2008-2009 he once called a meeting pha kwaNyathi but yabanjelwa kuNtlambatshe ngakwaNdabeni ivenkile ekwakurholelwa ngakuyo.. Intlanganiso leyo yayisithi abantu mabayeke ukungalihloneli iZulu xa lindilile lifanele ukuzilelwa. EMampondweni izulu liyazilelwa xa like laduduma ngezolo, abantu akufuneki basebenze ngakusa. Bangayi kuyotheza, ukugawula, ukuyolima, ukuhlakula, ukubasa phandle nezinye ke izinto azenziwa. Wathi ke ukuba baphinde bayophula loo mithetho uThixo uyakubohlwaya athathe umntu nentsimi yakhe. Okunene bayophula loo mithetho. 2009 safika ngenene isichotho esikhulu ilali zonke zase Mantlanini zachaphazeleka including Ndungunyeni kwelaMacwerha. Ndandiqala ngqa ukubona amabhokhwe(amatye eZulu) alingana nentloko yam. Yabethwa yafa imfuyo, bonzakala kakhulu abantu, izindlu zagqobhoka amaphahla ezinye zawa, iintsimi zona zakhukuliseka zaguga vuthi. Mveni kweso sichotho wabiza enye imbizo wathi kukho esizayo esikhulu kunesi sona soza sivela ngaphambile ngaseLudeke, soza siluhlaza ceke nanjengoko esi siqhamke ngemva ngakuNgcwamani simnyama. Nyhani seza esesibini kodwa wakhawuleza loo mini wafika kwaNyathi elichitha-chitha iZulu elo. Sakhawuleza saphasalaka eso sichotho wayesithi konetha amatye aneempondo. Wonke amazulu athunyelwe ngesandla somntu wayewazi atsho futhi apho lone khona ukuba lelobugqwirha elo hayi eloMdali wakhe.

Xa umjongile Bawo uNonkungu wawungathi ligeza kodwa wayengelilo. Wayemnyama thsu ngebala ethanda ukucula ejonge phezulu esibhakabhakeni, wawunofika ekhomba-khomba phezulu, esiqwini sakhe wombethe umrhaji wengubo. Wayethi xa ehambele emzini kwaziwe usikelelekile lowo mzi. Wayechopha egadeni isitulo engasifuni. Wayesidla okwesintu kuphela ukutya. Imoto wayengayikhweli tu ehamba ngeenyawo zakhe kuphela.

Kukho amarhe wokuba wayenawo amandla wokubaqalekisa abo bamjongela phantsi njengegeza. Umzekelo kwilali yase Silindini imvula ayinethi khona, kufika inkwitshi kuphela bakholelwa ukuba baqalekiswa nguye kaloku wagxothwa phaya ehambele bamhewula besithi ligeza. Nase Flagstaff wagezelwa ngamantombazana ewayala ukuba ayeke ukunxiba iiBlukhwe liduduma iZulu. Kuthwa wabaqalekisa ke, omnye ladlala kuye iZulu wabhubha, omnye waphuma umpipi ebunzi owokugqibela kwacandeka umthi wangena kuwo wavaleka mva koko. Andithi ke ndinaso isiqinisekiso koko ngamarhe avakalayo ngoko.

Father Nonkungu is no longer among us sele laqhama itshoba kuye. Kuvakala ukuba wadliswa ukuze anabele uqaqa. Edliswa nje uyayazi ukuba loo Ti/imbila whatever nto awayiselayo kuthwa wachaza kulo amziselayo ukuba uyayazi ukuba inedliso kodwa uzoyisela. Wangcwatywa ngokwesintu ke uTata uNonkungu mveni kweentsuku ezintathu ehleliswe egumbini.

Nabani na onembali eyiyo neyinyaniso ngoTata uNonkungu andibambe bucala ingakumbi abo bamazi ukusuka nokuhlala. Ndinxanelwe kakhulu ukuyazi yonke imbali kaNonkungu.

0837318571 number yama or andi inbox.



❀️ πŸ™πŸΌ
... ✍🏼 ✍🏼

22/09/2026

"Uyalibona eli lilikhulu"
"Ayi, ayi, ayiii" πŸ”₯πŸ”₯πŸ₯Ί

Happy Heritage month bantuπŸ™ŒπŸΌ

❀️ πŸ™πŸΌ
.. ✍🏼 ✍🏼

15/08/2026
11/08/2026

Part 2: IQaba linyelwe yiNtaka πŸ’”πŸ˜­πŸ˜‚

"Ndino plan B" πŸ˜‚ πŸ˜‚

❀️ πŸ™πŸΌ
... ✍🏼 ✍🏼

10/08/2026

Part 1: IQaba linyelwe yiNtaka πŸ’”πŸ˜­πŸ˜‚

❀️ πŸ™πŸΌ
.. ✍🏼 ✍🏼

Mphemba Mphemba ❀️πŸ₯Ί
08/08/2026

Mphemba Mphemba ❀️πŸ₯Ί

Address

Cape Town
7750

Telephone

+27837318571

Website

Alerts

Be the first to know and let us send you an email when Amaqaba Amahle posts news and promotions. Your email address will not be used for any other purpose, and you can unsubscribe at any time.

Contact The Establishment

Send a message to Amaqaba Amahle:

Shortcuts

Share