27/09/2022
Ukuba Ndandazile
#8
UBanele ujikela emvakwendlu ngasethunzini ethethela phantsi.
Banele: UThimna waphi ngoku? Ngoba ke mna andikhumbulu ndithetha nawe nje.
Thimna: (ehleka) Hayi ungade uthethele phantsi ndizongena nam apho phakathi undibone ekukhanyeni.
Banele: (ethethela phantsi) Azange ndak*mosha kodwa?
Thimna: (ehlekela phezulu) Wade wanovalo uyazazi njandini ukuba usisimoshi esidala, ewe wandimosha awusakhumbuli?
Banele: hayi noko wena sizobuye siyithethe leyo okwangoku ndisazosela apha eClub10 andizanga kuzovusa izinto zakudala (ehleka)
Bangena behambisana uBanele noThimna behleka, uBabalwa noAsive bayahleba.
Babalwa: Yinguye lomntana kuthiwa nguThimna lo ongena noBanele?
Asive: Nguye kanye, ufike nini ndamgqibela kudala sekabangaka ngoku wekelibhityo.
Babalwa: Kuyakhulwa ngabantwana ebemncinci ngoku kodwa ngoku ubhidlikile, inoma ukhona loSuger Daddy anaye ngeke uve.
Andile: (ethethela phantsi) Oooohhhh yini na kangaka namgqiba umntanabantu engekahlali naphantsi, nothing ukuba uzonwabele nje akho kwalondoda.
Babalwa: Wazelaphi mmmhh ujola nawe?
Asive: Hayi kodwa nawe Chomie abe ujole naye nini ezifikela nje uThimna.
Babalwa: Wabuza mna buza yena lo onguAndile.
Andile: Ndibuzwani mna ndiziselela utywala andifuni kwanto ethethisayo namhlanje ndifuna ukuzilalela qha xa ndihlulwa lutywala.
Kufika uThimna etafileni abulise, uBabalwa noAsive bazincumisa into engapheli.
Thimna: Molweni guys?
Bobathathu uAndile noBabalwa noAsive bayavuma.
Bonke: Hi Thimna.
Thimna: Ninjani?
Andile: Simnandi wena? Yhooo xa uzovele ubengaka inoba ungakanani uLwando yena ngoku.
Thimna: kanti naye ungaka uyeke nje ukuba esemfutshane nje kodwa noko mdala ngoku.
Behleka bonke
Banele: Uthi uyoze abemde lowo
Thimna: k*mele ndimfake umanyola ngoku ayikho leyakhe emdala kodwa abengaka.
Babalwa: (encumile) Awusemhle ntombi yhooo, ikuphede kakuhle igoli nhe?
Thimna: Ewe noko sizama ukuphila akhonto itheni nesikolo ke.
Babalwa: Nicenge ningavumeli ukuhlala apha ezilali.
*
*
*