Diya Poetry_-_Imbongi

Diya Poetry_-_Imbongi Praise]Artist]Poetry
Spoken words/Poetic Diya

26/03/2025

Ningaphosa ngaMAVA ENGQONDI bantakwethu ayaphilsa kwaye, ayakukhokela Ubomi bakho bonke🙏🌄📖

26/02/2025

IYAFUMANEKA KU YOUTUBE (UMNOMBO WAMAZIZI).

IZAFOBE ZOBOMIIntiyo iphembelela ingxabano,Kanti ke lona uthando luyazingcwaba  zonke izono.Umntu oqondayo uthetha ubulu...
28/01/2025

IZAFOBE ZOBOMI

Intiyo iphembelela ingxabano,
Kanti ke lona uthando luyazingcwaba zonke izono.

Umntu oqondayo uthetha ubulumko,
Kanti ke umhlana wesinyabi ufanelwe yintonga.

Umntu oyithobelayo ingqeqesho usekhondweni lobomi; ke yena ongaphulaphuliyo ulahlekene nendlela.

Umntu oyifihlayo intiyo lixoki;ke yena osasaza iindaba zolwimi sisiyatha.

14/12/2024

(ISISILA SEDLAVU LAM)

Ndizinika kulento yabantwana si'sila sedlavu lam nceda ungandibhutyi ngobende, ndothi ndakucinga camngca ndixhase iliwa.

Ndithi ndakuxoza mphini wumbi, umlomo usindwe yimpumlo.
Wena si'sila sedlavu lam uyindlu kathekwane .
Kwi gqakrana ungumqengqelezi.

Ndifunu'kuthi nzulu-fihlakele ufana nowazalwa.
Efumbathi intsomi unjengexhama lizalela emanzini.
Kakade kwel'ka Xhosa.

Ndim lowaa! wamkhwaza use xandeni, wasebela esemthonjeni.
Nga nangoku ndisel'weni, ndivuka ndixeli'skhalo sebhere.
Etheni.

Ndifunu'kuthi yidla ihabile ungophusi!
Uxhose mxhosa uxhosise nabe'zizwe.
Wena si'sila sedlavu lam kubachithi mbuso.
Unomanyano ngamandla.
Khalima wena kule mithana yok'phila.

Kule mini yelanga uzuxel'umyili-mdaniso.
Kwamahlebezi ndixeli'isivingco somoya kwinjini.
Ndiyeke mna ndibeli-thala lobomi emyezweni.

Ndii! ndiboleke izembe, ndibe kuko uk'betha ngezembe.
Ndixoleleni mna ndoyise amafilistili ngezembe.
Yanga ningandiyeka mna ndiye ezizweni.
Bathi igqirha lihle ngokwahluleka kwalo.

Ndii! Ndilirhamncwa lentsomi elinesiqu sebhokhwe.
Nentloko yengonyama, nomsila wenyoka.
Isilo esoyikekayo esisengqondweni kuphela.
Ingcinga yento engenakubakho ephelela engqondweni kuphela.

Ndomelele!
Ndilu'donga lok'nqamleza umlambo, lokulawula amanzi.
Ndiyimisonto ephinyaphinyela kumchako.
Umsonto onqumelezayo ongenakukwazi.
nokuwunaka'na.

Kulemiduka yeentliziyo ezingenakhaya lusigxina, Ezihambe zinxusiswa. Nencasa encamisa ingqondo ihlal'inkcwayiza.Kodwa mn...
24/11/2024

Kulemiduka yeentliziyo ezingenakhaya lusigxina, Ezihambe zinxusiswa. Nencasa encamisa ingqondo ihlal'inkcwayiza.
Kodwa mna ndithi masingcamle!
Hleze neli lichiza.

08/11/2024

Isisu somhambi asingakanani singaphambili, ngemva ngumhlonzo.

Bendingaa leqe'suthwini ndibesisijamankungwini ndombathe ingcawe ndilinde ndibi'we bubuthongo ndiphele ndincama ndilala ...
20/10/2024

Bendingaa leqe'suthwini ndibesisijamankungwini ndombathe ingcawe ndilinde ndibi'we bubuthongo ndiphele ndincama ndilala mna.

(UKUTHUNDEZA UBHITYO)Xa inxeba lithe lak'hlaba-nzulu, Kwaye zisakutya neentlungu.Xa ingqondo ingeka kholwa, koonke kusab...
03/09/2024

(UKUTHUNDEZA UBHITYO)

Xa inxeba lithe lak'hlaba-nzulu, Kwaye zisakutya neentlungu.
Xa ingqondo ingeka kholwa, koonke kusabonakala njenge phupha.
Xa utshonelwe lilanga, ephelile amathemba, ingas'uthi vuleka mhlaba ndingene.

Izifundo ngobomi

(Esihleliyo sidl'ukuhlala, esiphilayo sesithwethwayo.)Awuu! Uxhosile mxhosa Kwaxhokozela, batsho bagxabhazela oonomgxabh...
21/06/2024

(Esihleliyo sidl'ukuhlala, esiphilayo sesithwethwayo.)

Awuu! Uxhosile mxhosa Kwaxhokozela, batsho bagxabhazela oonomgxabha (hayi!).
Kwatsho kwathi'xibilili.

Ivulekile mani iminyango kona kutyhilekile, kakade kwelika Qamata, kushiyana umamukondla.

Wena uvuna nje ubulimile, uhlafuna nje namhlanje ububasile wakhwezela.
Xhosa mxhosa sigxume sigxwale'mswaneni.

Sik'xhase wena nga'nxazonke sikuph'uthando nobubele kakade inje impumelelo.

Lento Ibhida amavila ngoba iyavukelwa. Wena uxhosile waxhosisa nabe'zizwe, siyabona sibukele kona kuzak'be kuxhokozela.

Jonga ndibamba ngazi'bini, ndithi ukwanda inene kwaliwa ngumthakathi ngxaatsho!

Izifundo ngobomi

Address

EPS/43
Dunoon

Alerts

Be the first to know and let us send you an email when Diya Poetry_-_Imbongi posts news and promotions. Your email address will not be used for any other purpose, and you can unsubscribe at any time.

Contact The Establishment

Send a message to Diya Poetry_-_Imbongi:

Shortcuts

Share

Category