Iliso liyabona

Iliso liyabona IMBONGI YOSIBA

19/05/2024

🥺❤️🔥🔥

19/05/2024
28/03/2024

akukho nkanga'idubulingethi akhonto ingena'sphelo nm ndoze ndonyulwe njengabanye babo ,abo balela imizamo yabo✍🏿✍🏿✍🏿❤️🥺

19/03/2024

Aphela amathemba sesisonqina nokuthi bawo sithathe ngoba sesincu'mumsizi kumnyama ezingqondweni uthando lwaphula intliziyo ukuba belisaphula amazinyo ngesinjani owu bawo thethelela abantwana bakho sikelela ulutshalwakho

Otshotsho sebeqina enyaleni ngelithi yindoda yam abalazi elithi akhomntwa'mntwapha kunjawunje sofela emanyaleni ngoba uthando aluthengiswa futhii alubobolekiswa

Uzathi uzinikezela kuye Kanti uzibethekisa ngenyeke elityeni lumka kusemhlabeni apha ubomi ngamahla ndenyuka kusemathandwani apha uzogilana nembila zithutha

Luqala kamnandi ekuqaleni okomakhulu ebalisa intsomi luqala ngobutshomi ukanti ukrebe ulelise umsila ukulinde usothi khotsho akwephule intliziyo mna uthando andulupasisi lunemiphumela emibi

Uyabonga apho kuhleli khona uthando kumanxebanxeba entliziyweni yam yam Yanga ndingazifumanela awom nam ndimephule intliziyo ndimshiye elolohlobo

Sendicela uxolo kweluthando selilide noko elithuba ndixolisa ndingonanga undityhola noba awundibonanga uthi ndiyakujolela kudala bendinqanda ngalomjolo besithi mandehle kwelihasi ndizakulimala mna ndenzi ngathii andibeva liyinene elithi uthando aluboni lubona ngezenzo mna andiva noba sendihlatywa ngameva😭😭......imikhuba yothando✍🏿✍🏿iliso liyabona

26/02/2024

nge tie ceremony ndizokwenza umbongo uthii umama❤️🔥nevideo👊

15/01/2024

I fire ekulambongo othii "umama"ndizonivisa soon 🔥🔥

13/12/2023

Ndingu Mthembu,Qhudeni ,Pafana iliso liyabona imbongi yosiba ✍️ ukutyatyadula nokubhala lubizo ndisabele ndizikhabe Zonke ezobugwenxa ndomelele kl ndingumxhosa ontsundu otha'xhentse axhixhitheke exela unonkala engena ngecala esizibeni ndizicalulile ezingephi kaloku azakhi ntonje ziyalahlekisa ndathabatha kwamadoda anamava ndenzanjer ukucangcatha kulameza ndihamba ngecala ndinqonde phambili kl ndafunga andajika ukuba andisoze ndibengungantweni ntonje zobasendaweni nam ndikhwele eqongeni ndicacisa impumelelo ndisebenzisa'mna ubungqina kl ndilingqina lokuba ebunzimeni akulahlwa mbeleko ngakufelwa ithemba alibulali ntonje liyadanisa lawo ngamazwi awayendiduduza sele ndikobobumnyama😭 ....iliso liyabona ✍️

08/12/2023

Kowu amadoda kodwa✍️

01/12/2023

ngaba ndikhupha more videos qha akho camera so ingathi ndizoyibhala eminye😭😓

25/11/2023

If ufunwa ubhalelwa umbongo yiR150 ngoku ❤️

24/11/2023

Cela nindizame nge phone yokushooter I video okanye camera🙏 📷

Address

Tsolo

Telephone

+27818001696

Website

Alerts

Be the first to know and let us send you an email when Iliso liyabona posts news and promotions. Your email address will not be used for any other purpose, and you can unsubscribe at any time.

Share

Category