Imibongo by miyolo

Imibongo by miyolo Imibongo and stories only

24/12/2025

AKASEKHO

Ebeke wandibiza andasabela
Ukhe Wanamaker uthetha nam andaphulaphula
Ukhe wacela ithuba lokuba ndimamele akwabanjalo
Uzamile uphalaza imbilini andaphulaphula

Badibene ngentloko kugxekwa isigqibo sakhe
Akekho onolwazi ngentlungu yakhe
Libanekile lagqekreza kwamnyama ekhayeni
Wonzakele wasikeka emphefumlweni
Khange akwazi ukuqina uye walibhetyebhetye wavuma

Intlungu nenxwaleko zobomi zimoyisile
Khange abenasfungo wenze okuphambi kwakhe
Ingqondo ayikwazanga ukuzikisa ukucinga
Awakhe amathemba ebesele ewaphose kulebhokisi akuyo

Ningamehluleli naye ngumntu njengani
Yekani ukubeka ityala kuye Kuba ebedinga umncedi naye
Umntu ngumntu ngabantu kodwa nina nenze njani?
Naye uphalele kulomhlaba wophalalo ke myekeni
Myekeni hleze uphumle kulentlungu ibimdla
Mkhululeni aphumle naye uzamile ukuphile
Lendlela akekho onolwazi lwayo inene
Nathi sobizwa ngokubizwa inene

A.M.Mphumo

05/12/2025

Bhotani Bantu bam

zonibhalela poem soon

Address

Port St Johns

Website

Alerts

Be the first to know and let us send you an email when Imibongo by miyolo posts news and promotions. Your email address will not be used for any other purpose, and you can unsubscribe at any time.

Contact The Establishment

Send a message to Imibongo by miyolo:

Shortcuts

Share

Category