26/06/2025
Umboniso 108
Ugqiba kwam uthetha no BANDILE ndiphakame ndondlula bed yam emva Koko ndayohlamba.
Ndigqibe uhlamba ndayonxiba,bendi bsy ndizibuka espilini ndime phambi kwe wardrobe mane ndijika jika
Mna:kanti kwenzekani na K*m kutheni i blukwe zam zingasandi bambi njengaku qala zinayo indawo enobukhulu,ndithe sele ndinxibile ndaphinde ndakhulula bendisuke andaziva maan ingathi ayindim.
Ndimane ndikhupha ndinxibe phinde ndikhulule ndibeke phez kwe bed,zade zaninzi ezingaphandle.
Ndikhe ndema ndixakiwe uba ndinxibe eyiphi,bendinxibe ipenti ne bra kuphela.
Ndibone kuvuleka ucango ndisamelwe yimatha apho kwangena u daddy.
HLOMLA:haybo mafungwashe wam upakishela ukuya phi,khona kutheni uhamba uhamba nge mpundu?
Mna:ndihamba nge mpundu na daddy?andizibonanga haz,anyway ndingaku nceda?
HLOMLA:ndibona ungade uphume libe ixesha lihamba ndiqonda mandizoku kroba.
Mna:ndisaxakwe yinto yonxiba
HLOMLA:njani ngoba n**i mpahla zigcwelise i bed
Mna:azindilingani zinkulu
HLOMLA:uqala Nini?
Mna:andiqapheli ngoba uninzi lwazo andifane ndizinxibe,ndigqibele zindilingana ngk zinkulu.
HLOMLA:inoba wehlile esiqwini kaloku but andiyiboni mna lonto.
Mna:bungeke uyibone kakade
HLOMLA:njani ke ngk?
Mna:ingxaki ungumntu ongu Tata so ubungeno qaphela ezozinto(bendisonqena nje umphoxa ndithi kaloku bulibele ngu Khanya)
HLOMLA:oh dts true so uzodinga mpahla entsha?
Mna:ndizithini ezi ngoba uninzi lwazo zintsha
HLOMLA:I don't know myb ungaphisa ngazo
Mna:no m sure ndizophinda ndi gain(e)andidingi mpahla zintsha noko zisekhona ezindilinganayo
HLOMLA:uqinisekile?
Mna:yes
HLOMLA:ok ke xa usitsho,yenza ke Somi ungabi late Wes kubhalwa
Mna:relax daddy ndine 1hr yonke b4 kuqale iphepha lam
HLOMLA:ok mandikushiye ke(utsho ephakama)
Uthe xa ephuma wagilana nosis
Naledi:oko ubuzojonga u Somi?n then kutheni sisi impahla yagcwala i bed ube unganxibanga phof
Mna:zinkulu
Naledi:zonke?
Mna:uninzi lwazo
Naledi:haz bendithi ngamehlo wam andiqhathayo xa ndibona ingathi wehlile esiqwini kanti nyani.
HLOMLA:so uyiqaphele lonto iqale Nini?
Naledi:sekuzinyanga since kwafika Khanya
HLOMLA:it's all my fault yhini umntana wam ndiphantse ndambulala xa ede wehla nase siqwini
Naledi:it's ok now ndiyamazi u Somi uzo gainer ngk ingakumbi xa ningeno phinda nixabane
HLOMLA:I will make sure ayenzeki leyo,and my angel ndicela sithethe xa ubuya eskolweni.
Mna:singathetha nangk(benditsho ndinxiba)
HLOMLA:no it's ok ingalinda lonto ude ubuye eskolweni
Mna: ok
Baphumile ndashiyeka ndigqibezela unxiba emva Koko ndahamba ndayokutya.
Mna:ndizohamba ngk ikhona endiyifuna pha ku Baxolile
HLOMLA:ok let me take u today
Mna:hayi hayi ufuna uyofishwa ngaba ntwana beskolo baphaphayo bazibonele u sugar daddy.
HLOMLA:haybo!Somi
Mna:yinyani nje
HLOMLA:ufuna uthini ngam Somi?
Mna:nix daddy
HLOMLA:xa ucinga ndingayenza into enjalo mna?
Mna:andazi daddy kaloku ungulo ukhe ungalali aphe ndlini
HLOMLA:kuzube ndihambele i business njena
Mna:kutsho wena asiyazi thina lonto
HLOMLA:khawuthethe sthandwa Sam undixakile u Somi
Naledi:andingeni ndawo
Mna: excellent mom this is between us so makangakufaki
HLOMLA:kodwa xa ndihambile umamakho uyayazi ukuba ndiphi
Mna:uyayazi nyani sisi ubuya akunike proof?
Uvele waqhala amehlo u daddy
Mna:ndiyadlala yho!awabi serious hahahaaa
HLOMLA:usile kodwa umntana endamphiwa ngu thixo lonto une masters apha esgezweni.
Mna:ok ndigqibile singahamba ke my sweet daddy bye Mommy.
Naledi:bye bbe uyeke udlala nge ndoda yam futhi uzifunele eyakho yodlala.
Mna:tnx for the advice ndawukwenza njalo
HLOMLA:uthini Somi?
Mna:ndithi I love u masihambe ixesha alimanga
Unikine intloko wabe esiya e garage
Mna:daddy nantsi Moto nje usayaphi?
HLOMLA:sizohamba ngenye hayi leyo
Mna:oh!ok
Uyokhupha le ise garage phela kwe Moto ibingafane iqhutywe keleya bendide ndizibuze ukuba kanti yayithengelwa ntoni xa izohombisa i garage.
Uyikhuphile ke sahamba sizincokolela nje indaba zethu ezipholileyo.
Ufike wandibeka eskolweni,wonke amehlo ebekum ngk ndohlikayo m sure inokuba bebesithi ndiziswe yi boyfriend yam.
HLOMLA:byee unayo Mali ye lunch?
Mna:ndi grand don't worry
HLOMLA:ok ke ubhale kakuhle
Mna:thank you
Ujikile mna ndaya e Res bendi sure Baxolile akakaphumi nyani ndifike esatya.
Baxolile:mh sowufikile kanti ngubani xesha?
Mna:sishiyekelwe yi 20m singene ephepheni
Mna:ngathi andisagqibi nokubhala ndonele zincwadi
Baxolile:kuse early ke sisi for udinwa usashiyekelwe yenye 6 months ukuze uphele unyaka
Mna:ingathi yi 6 years le uthetha ngayo
Baxolile:wawukade usthanda nje iskolo kwathini ngk?
Mna:noba ingqondo idiniwe okanye yilento sele ndiyazi ukuba ngu nyaka wam wokugqibela lo
Baxolile:khona ungatshongo sele ndifuna ukude ndiphangele mna ndizotshintsha imeko yase khaya
Mna:kwa mna ndiseno msebenzi omkhulu uphangela kwam
Baxolile:msebenzi onjani kelowo ngoba utata wakho unayo imali?
Mna:yeyakhe ayoyam so ndifuna ukwenza izinto zam ngendlela yam ngemali yam,ndathembisa u tamkhulu ukuba ndakumakhela indlu entle mhla ndaphangela
Baxolile:kwaye abantu abadala abaxokiswa u better fulfill that promise
Mna:I will do that
Baxolile:ok ndigqibile singahamba,okanye ikhona into ubuyifuna?
Mna:nop
Baxolile:ok ndibona ufike early kunesqhelo
Mna:ndithe ku daddy ikhona into endiyifuna apha kuwe,biyi excuse nje leyo yoba ndiphume early sizoqale sincokole kqala ngoba xa siphuma ephepheni ayikho lo chance ndiphuma sele ndilindiwe.
Sihambile ke sayobhala,ugqiba kwethu saphuma yangulowo waya nge ndawo yakhe nam ndagoduka.
Ndifike daddy no sisi behleli besitya
Mna:ndiyakwazi uhamba molweni
Naledi:lonto waqatshulwa ngokutya ngoba awulibhudi tuu ixesha,hlala phantsi ndikunike okwakho.
Mna:tnx mom zinjani i boys zam?
Naledi:ba ryt xem lonto abahluphi ave be sweet
Mna:kakade daddy kutheni u soso ungamxelelanga ukuba ungu Tata ngk?
HLOMLA:Tata kabani?akukho soyama ongu Tata apha ngabantwana bam abaya
Mna:kodwa
HLOMLA:andifun nova kwaye andifuni nokuba azixelele ngokuba ngu Tata ngoba akakabinguye ngk usengu mntana makajonge incwadi zakhe,uyakuba ngu Tata mhla waphangela hayi ngk asenzelwa yonke into ndim.
Mna:yho!so bungazomxelela ke ngk?
HLOMLA:bendizomxelela ngexesha lam qha wandweba wena wamxelela
Mna:ukhe wamfounela phof?kungathi kanti ubhubhile ngoba uvele wa dropha fone xa ndithi ungu Tata wamawele,ndiyasola ebesaqulekile.
Naledi:hahaa uqulekiswa yintoni?
Mna:inokuba wothuswe ngamawele
HLOMLA:uyabhanxa elilo nje yena
Naledi:m sure khange ayicinge ukuba naye angazala wona
Mna:yho!ndingabathini abantwana ababini ngexesha elinye.
HLOMLA:mhlawumbe uyakutsho nge triplets ke wena
Mna:yhuuuu!! ndingafa hayi u thixo angake alinge ayenze lo ntlonti.
Naledi:hayke sisi asazi.
Mna:daddy ubuthe ufuna sithethe xa ndibuya eskolweni
HLOMLA:yes my angel andifuni kwenza into ngaphandle kwakho,andifuni siphinde sixabane.
Mna:ok
HLOMLA:eh!Somi bendicinga ngo Khanya maan
Mna:ucinga ntoni ngaye?
HLOMLA:Somi abazali bakhe abamfuni lo mntana kwaye unobangela ngu soso lo ungu bhuti wakho,ukuba ebengam mithisanga ngabe asikho apha ngk.
Naledi:ha.a bbe suyibeka kanjalo,ayingo soso yedwa onetyala apha bamoshile bobabini ngoba bavumelene ngalento bebeyenza.
HLOMLA:kunjalo Kona kodwa ke inyani yeyokuba u soyama ngowam kwaye uhleli kowabo yena and uyafunda while omnye engafunwa kowabo ehleli apha egone amasana.
Mna:lilonke daddy uthini?xa u Khanya engafunwa ngabazali bakhe ufuna ukubangu mzali wakhe ke ngk?
HLOMLA:yes no my angel,ndifuna ukwenza into e ryt qha
Mna:yeyiphi leyo?
Uqale ngo thinta umqala
HLOMLA:bendicinga ukuba akhe ahlale nathi apha ekhaya
Mna:until when?
HLOMLA:kude kuphele lonyaka
Naledi:intoni?
HLOMLA:plzz sthandwa Sam anditsho ukuba uzohlala umphelo,ndifuna nje kuphele lonyaka then kulo uzayo ahambe ayofunda.
Naledi:uzofunda ehlala phi?
HLOMLA:eskolweni kaloku
Naledi:uthe akafunwa kowabo,so xa zivaliwe izikolo uzohlalaphi?ungandixeleli ukuba uzobuyela apha.
HLOMLA:andazi myb ndingamfunela indawo yo renter
Naledi:yho!hayi unemali bhuti andifuni ngatsho ,so uzawukhulisa abantwana bakhe ngapha kwelinye icala ube ujonge yena?
HLOMLA:ndizama ukwenza ubulungisa nje
Naledi:hayi andazi uthini wena Somi?
Mna:ngantoni mama?
Naledi:ngalomba uza no tatakho
Mna:akhonto ndizayithetha ukuba u Khanya uyaqhubeka nohlala apha mna ndiyahamba.
HLOMLA:uyaphi?(ubuze othukile)
Mna:ndiyohlala e town zikhona flat ezi rentisayo andinamdla wophinda ndihlale na Khanya mna.
HLOMLA: haybo!Somi kodwa
Mna:ukuba ayikho enye into ndicela uyojonga incwadi zam .
HLOMLA:ok ok ndicela ungaqumbi my princess ndizobona elinye icebo
Mna:hayi daddy ningahlala naye ningandibali qha mna(nditsho ndiphakama ndiyobeka plate)ungene u Khanya eshixiza ufike wavula fridge wakhupha amanzi kunye ice cream.
Ugalele amanzi kwi glass wavula ice cream wayitya phof uyityela apha kwi skhaftina sayo,ugqiba kwakhe uthathe glass yakhe yamanzi wahamba.
Ndijonge kusisi yena wajonga ku daddy emva Koko ndaphuma ndaya kwi gumbi lam.
EKOMANI
Lindah:haybo!fez kutheni umama abe akakavuki elixesha kaloku uyavuka yena
Fezeka:andazi nam haz intsha futhi lento yakhe,myb akaziva ryt
Lindah:kutheni engatsho ke ngk?
Fezeka:haybo!Lindah uqale Nini ukungamazi umama,wayekhe watsho xa enendawo ebuhlungu?
Lindah:khawume ndiyomjonga
Fezeka:awoyiki ungxoliswa ngu Tata?uyamazi akafuni mntu egumbini lakhe
Lindah:andina xesha lakhe as long ezothetha ngo mlomo qha engazukundisa sandla
Fezeka:lonto uzithembile ntombi ka cirha mandikuyeke.
Uphumile u Lindah wayokwenza i tea e kitchen emva Koko wagalela waya kwela gumbi lika mama wakhe wankqonkqoza.
Mzukisi:ngubani lowo sisalele?
Lindah:ndim Tata ndizise i tea
Mzukisi:sisalele ungabe uyoyibeka sizophunga uvuka kwethu.
Lindah:izophola Tata kwaye ayikho mnandi i tea efudunyeziweyo.
Mzukisi:eh!kanene soze usuke kulo mnyango yima ndiyeza.
Uzile wafika wavula wema emnyango wakhongozela i tray leyo.
Lindah:ndicela ungena Tata
Mzukisi:akho sidingo salonto sapha K*m umamakho akaziva mnandi une fever
Lindah:fever kutheni engatshongo?
Mzukisi:wonqene ukuni khathaza ngento engena msebenzi,ungahamba ke ngk sakubiza xa kukho esiyifunayo(utsho akugqiba wavala umnyango)
Uhambe u Lindah apho umnqwazj wakhe ungaqini,ufike egumbini labo wavala umnyango.
Fezeka:yintoni?ungxolisiwe ngu Tata bendikuxelele qha unenkani
Lindah:hayi khawume nawe akhange ndingxoliswe
Fezeka:kodwa inkangeleko yobuso bakho ayitsho.
Lindah:fez ikhona into engahambi kakuhle,uyazi utata khange afune ndingene kwi gumbi labo undimele emnyango wayithatha ngokwakhe tray uthi mama akakho ryt une fever.
Fezeka:so?fever yinto eqhelekileyo moss
Lindah:ha.a maan fezeka what if utata wenze something ku mama emva kwala ngxoxo yayizolo?
Fezeka:something enjani ke?
Lindah:uthatha Kade kanene andazi wawupasa njani eskolweni
Fezeka:hayke ngk singenaphi iskolo apha?asifundi ngk moss siyathetha
Lindah:what if utata umbethile umama?
Fezeka:intoni?hayi soze ayenze lonto utata
Lindah:ndithe what if,ngu Tata lo sithetha ngaye apha kwaye uyayenza lonto nawe uyayazi noxa umama engayikhuphi ngo mlomo eyifihla.
Fezeka:but ke kukumcingela nje ngoba zange sambona embetha.
Lindah:ufuna ukude umbone ukuze ukholelwe?ungu Thomas wena ukholwa ngobona nhe.
Fezeka:hayi Lindah khawuyeke ukufuna uqala uchuku uyamazi utata xa enoyiva lento angasithuka asifanise nayo yonke into ekulo mhlaba.
Lindah:andinaxesha laku thukwa ke mna ngoba azincamatheli,xa ndihamba phaya endleleni akukho mntu uzakuthi bendithukiwe.
Fezeka:yho!amen makhe ndikuyeke whatever oyenzayo ungandifaki ke mna
Lindah:akungoku waba ligwala alk wena nasesi kolweni wawusi lwelwa ndim ngk inguwe omdala.
Fezeka:oh!kanene ndakuyicela ivuthiwe nguwe
Lindah:ndisayojonga phaya futhi(utsho ephuma)ufike wema emnyango bekuthethwa kodwa engeva ukuba kuthwani.
EGUMBINI LIKA MZUKISI
Mzukisi:ukuba uyayazi into ekulungeleyo uzakuthula uthi tuu kwaba ntwana bakho.
Nokhuselo:kodwa ndizothula kude kubenini kunini undihlukumeza awoneli yintoni?
Mzukisi:ndakonela mhla wayotshona engcwabeni.
Nokhuselo:kodwa kutheni ukhohlakele kangaka nje?
Mzukisi:xa undibona inkohlakalo usahleleleni apha kwam ungahambi?
Nokhuselo:ndihamba ndiyaphi na Tata ka fezeka?
Mzukisi:ungandibizi ngalonto mna,kungoba awuna khaya ungagoduki nje?ngoba mna ndonele nguwe ngabe kudala ndazifunela umfazi obhadlileyo qha phi ke kukho esisilingo se nkamela enguwe engafuni kuhamba.
Nokhuselo:kodwa ndakwenzani cirha lento undizonda kangaka?(utsho efixiza)
Mzukisi:ubuza K*m futhi?ngk wawulala nomkhuluwa wam ude uzale isithathu sonke sabantwana ucinga ukuba ndandisiva njani huh?umfazi wam ubhucwa bhucwa yenye indoda nandoda ubhuti wam.
Nokhuselo:oh kanti ulapho?(utsho ephakama ebedin)
Mzukisi:ucinga ukuba ndalibala?
Nokhuselo:impazamo yam yabaphi ke apho?ngoba yi family yakho eyagqiba kweloba ndingenwe ngu mkhuluwa wakho kuba ungafumani bantwana wena,kwaye nawe wawukhona wavuma azange ujikelwe ngemva.
Kutheni ngk usenza ngathi ndenza inyala phof lenziwa nguwe ne family yakho,kutheni uzakubeka itayala K*m?xa wawungayifuni lonto kwakutheni ungatsho?
Mzukisi:nokhuselo usathetha nam kanjalo?undilibele ukuba ndingubani nhe
Nokhuselo:ndingakulibala njani?isikrelemnqa esagwinta umkhuluwa waso sakugqiba sabaleka ecaweni sayozenza u ngcwele ngcwele.
Mzukisi:uthini no khuselo unabo ubungqina balento uyithethayo?ngoba ingakufaka kwezimnyama izisele wonke umntu uyayazi ukuba ubhuti wahlaselwa ngo tsotsi bambulala evela emgidini .
Nokhuselo:uthetha ngalo unguwe ke utsotsi?ngoba akho tsotsi ngandawo apha ndakuva kaloku uthetha efounini emva ko mngcwabo ka bhuti.
Mzukisi:nokhuselo nokhuselo yheyi ndaku(utsho emlingisa nge mpama)
Wasithi nqaku eso sandla u nokhuselo wasijula kude.
U mzukisi ebexakwe tuu ngu nokhuselo zange wambona enje kaloku ngulo usoloko engu ewe Tata uxolo Tata.
Mzukisi:so ulwa K*m ngk?
Nokhuselo:soze ndilwe nawe nanini na andinawo amandla wakho mna,qha ube uqale wagqibelisa ukuphakamisa isandla sakho K*m kungenjalo ndakufaka amapolisa ubanjelwe nokubulala oku wakwenzayo,kanti undiphethe gadalala yonke le minyaka undohlwayela isigqibo sakowenu esathathwa ngabantu bakowenu nawe ukhona,bendikade ndisithi inokuba ingxaki ilapha K*m kanti nguwe lo unengxaki.
Uyabona ke tat'ucirha akho kwalapho ndiya khona mna ukuba ufuna uphele lo mtshato nankuya umnyango uvulekile ungaphuma undishiye nabantwana bam.
Utsho akugqiba wayovula umnyango emshiya u mzukisi lowo engqunga kwelo gumbi.
U Lindah ebesele engasekho kulo mnyango kucaba uthe akungeva ukuba kuthwani wemka.
SOMI
Bendisahleli egumbini lam ndizifundela incwadi ngexesha ndibona call back akhange ndimhoye ndithe krwaqu nje ndaphindela encwadini yam.
Yaphinda yatsho i mssg,inokuba bangene bayi 5 belandelelana ndade ndadikwa
Besele ndifuna noyicima qha ndaqonda mandikhe ndiyijonge obvious u desperate lomntu kwa uba aphindelele ngo call back.
Xa ndijonga andazi kwale number,ngoba kuthwe plzz call no etym.
Ndiqonde makhe ndiyi founele,iringe kabini yabanjwa
Voice:hellow
Mna:yes ndibona call back ingaba ndithetha nabani?
Voice:cwaka
Mna:hellow usekhona?
Voice:cwaka,phof uyavakala ukuba ukhona ngoba uyaphefumla
Mna:andisebenzi kwa MTN ke mna so ndizayicima i fone le yam kucacile awuzazi ufuna ntoni.
Voice:hellow A*o ndim u A-A-Amahle
Mna:oh!nguwe ngk uthuleleni ungathethi?
Amahle:sorry A*o
Mna:ok u ryt phof umntana unjani yena?
Amahle:ndingathi ndi ryt kuba ndisaphila ke u Amyoli u ryt naye.
Mna:ok ubufuna uthini ke sisi?
Amahle:eish andazi ndiqalephi A*o
Mna:qala kule ubuyi founela
Amahle:ndidinga uncedo lwakho A*o,I know ndakuvisa kabuhlungu ndiyaxolisa ngalonto.
Mna:khululeka ugcwale ibhafu ndedlula kudala mna kulo class,luncedo olunjani olu ulufunayo?
Amahle:eyi!A*o ubomi bunzima K*m ndifuna ubuyela eskolweni Koko umama akandenzeli lula izinto.
Mna:njani?
Amahle:uyala ukundigcinela umntana,andikwazi nokuthi ndingafuna i piece job ndizomthini umntana?
Mna:so uthini Kanye Kanye ufuna ugcinelwa ndim umntana?
Amahle:no if ndingafumana family ka Tata myb bangandi nceda qha umama akafuni ukundixelela.
Mna:so ufuna ndikuncede ngoku funisa i family ka tatakho?
Amahle:ewe
Mna:yanzima keleyo,sizoqala ngaphi xa umama wakho engaxeli nokuba ngowaphi?
Amahle:yile indixakileyo dts y ndicela wena myb ungacinga something wena
Mna:yho!hayi andazi amahle andazi nyani yi ngxaki le,kanti umamakho akana family ungabuzi nako makazi bakho nje?
Amahle:zange ndamva ethetha ngayo
Mna:ilali yakhe apho azalwa khona awuyazi?
Amahle:ndandikhe ndimve ethetha ngayo ke Yona noxa ndingazange ndaya khona.
Mna:gud kulapho uzazifumana khona impendulo,nokuba akasena family yena m sure uyaziwa soze angaziwa endaweni akhulele kuyo.
Amahle:tnx A*o khange ndiyicinge kele
Mna:kutheni wa ruselwa yi ngqondo ngoba wawu clever nje eskolweni
Amahle:oh hayke wena nge mpoxo,enkosi A*o ngk sele ndisazi ukuba mandiqale ngaphi.
Mna:it's ok gal nibe ryt no Amyoli undifumene ngexesha elibi ndi bsy zincwadi kaloku ndiyabhala.
Amahle:kanene exams ngu June ndilibele nalonto uxolo wethu.
Mna:no akho problem undithinte futhi xa kukhona into oyifumeneyo.
Amahle:ndawukwenza njalo.
Sivalelisene ndaqhubeka ne ncwadi zam.
Like
Comment
&Share